Ezasekuhlaleni

Akho sidingo samakhandlela ngelixesha leziyolo

ESKOM – Iizitishi eziphehla umbane zikaEskom kukhangeleka zisebenza kakuhle,inyanga iya eyisiphelweni oko umbani uqhuba kakuhle kwiindawo eziliqela.

UMphathiswa weSebe lezoMbane uKgosientsho Ramakgopa ethetha noonondabangoLwesine, ungqishe ngomlenze engqina ukuba ngelixesha leziyunguma umbaneawuyi ndawo.

“Ngelixesha leziyunguma akukho sidingo sokukhanyisa amakhandlela, umbaneuzakusebenza kude kubengu 2024,” utshilo uMphathiswa.

“Nangona inkqubo yokuphehla umbane ingazinzanga kodwa kwiintsuku ezingaphezulukweshumi elinesine sizingomba isifuba oko umbane usebenza kakuhle,” Ramakgopa.

UMphathiswa ungqinile ukuba ukulungisa iqumrhu likaEskom isengumqobo wabo.U-Eskom uqweba iqhinga lokubuyisela umbane opheleleyo eluntwini, eliqumrhuliqweba ukuzusa umthamo wombane ongango myinge ka60% xasele kuqwelwa inyangayoKwindla 2024.

Ukanti ngonyaka ka2025 ngenyanga yoKwindla umyinge ka65%kulindeleke ukuba aqosheliswe.Ukongeza uRamakgopa ungqinile ukuba banoxanduva lokuqinisekisa ukuba umbaniugcwele ngokwaneleyo.