Akasekho emhlabeni u”KCI”
eRhawutini – Owazenzela udumo kwezosasazo u”KCI” Mthobeli August kwizikhululo eziliqela ekuquka kuzo uMhlobo Wenene ulandulele eli limagad’ ahlabayo.
Lo msasazi wodumo nobesaziwa kakhulu ngamabali ahlekisayo kwiinkqubo zoMhlobo Wenene ingakumbi inkqubo ethi, “Afternoon Drive” ufunyenwe endlwini yakhe eseRhawutini ekwimo ebuthathaka kwaye ebuphazamiseka nasengqondweni namhlanje umhla wamashumi amabini anethoba(29) kweyoMnga 2023.
Ubeyintandane kwabaninzi, sakumkhumbula ngebali likaMunda noFrida, kwaye ubenentsini eyahlukileyo kwaye enendlela eyahlukileyo yokwenza inkqubo kwezosasazo.
Emveni kwexesha lokugxothwa kwakhe kuMhlobo Wenene, waye wazibandakanya nenkqubo kamabonakude eyayisithi ngelo xesha “Selimathunzi” esebenzisa ilizwi lakhe kubhexesho lwenkqubo(Voice Over).
Usapho lwakhe lucela ukunikwa ithuba lokumzilela ngelizama ukwetyisa ezindaba zibuhlungu kangaka.
ISebe leZemidlalo, ubugcisa nenkcubelo singatsho ngeliphandle sithi lugqebheke olungophiyo kulo umiyo. Izolo oku bekungcwatywa uBulelwa “Zahara” Mkhuthukana.
Ilizwe lithe lisantywizisa lizikhotha elonxeba linzulu lwagqebheka olunye uduma ngokuwa komthi omkhulu, igqala kwezimidlalo yeqonga, itsha-ntliziyo kwezobuciko, imvumi, kwanodidiyeli uMbongeni Ngema.
Namhlanje silala ngezinye iindaba ezibuhlungu zokusweleka kuka”KCI”.