Ezasekuhlaleni

Isandla esiphayo sisikelelekile kuneso siphiwayo

KOMANI – Umama uNosipho Manyinyi(56) nosele esidla umhlala-phantsi uqhutywa luthando nentshisakalo yokukhathalela abantwana abangenamncedi.

Uthatha abantwana abalahliweyo, abashiywe esibhedlele, abathunyelwa ngonontlalo-ntle kwakunye nabantwana abacholwe ngamapolisa kungenjalo abaziswe ngamapolisa ngezizathu ezahlukeneyo.

Yonke lento uyenza esebenzisa imali yakhe yomhlala-phantsi. Unoxanduva lokuthenga ukutya, iimpahla zokubanxibisa, iingubo neebhedi zokulala.

Uthe ngenxa yokubona intsokolo yabantwana wavula indawo ebizwa ngokuba yiDivine Seed Drop in Centre nezinze eZone 2 kwinombolo engu-1411 kwisitalato saseHoza, eKomani.

Akagxilanga kwiminyaka ethile, uthatha kwamntwana osokolayo. Umthwalo uyamongamela ngoku yilonto kanye emenze abhenele kwelijelo lee ndaba ngelicela uncedo ebantwini esithi umntu makaphose lonto anayo.

Ezona zinto azidinga kakhulu ziibhedi nanjengoko esithi ezi anazo azisekho kumgangatho wokulala mntu. Ii-Walking rings, 3 cot beds, single Beds(6), washing machine nokutya kwakunye nee diapers njalo-njalo.

Enye into engamandla, uqeshe abantu abane(4) ekufuneka kwabona ebabhatale ngalemali incinci. Inimba mayibenye bafazi.