IQHULA LIYE LAQHABALAKA LISIQHEKEZEKA NGAMAJINGIQHIWU WOBOMI
STERKSTROOM- Namhlanje elijelo leendaba i-Eastern Cape Daily News liye lanenyhweba yokuhlinz’ impuku neqhula elizenzele igama kumaqonga awohlukeneyo.
UMawetu Soko(uMalume Ohlekisayo) inkaba yakhe ikwidolophu yaseSterkstroom kwilali yaseLuthuthu, phantsi koMasipala wasekuhlaleni i-Enoch Mgijima kwisithili saseChrishani.
Elityendyana ngexesha lizityanda igila kwiphepha-ndaba lethu, “Ndiyirhabule imfundo yam esisiseko kwisikolo samabanga aphantsi i-Masakhane Primary School, ndaphuma ndayakurhabula eyamabanga aphezulu eSiyaphakama Senior Secondary School”.
Eligama likaMalume Ohlekisayo livele kanye ngexesha eziqalela ubuqhula(Comedy). Lento uqale ukuzibona ukuba unesakhono sayo kwaye uyayithanda esesesikoloweni samabanga aphantsi, wayethatha ukuqhula eKlasini ngonyaka ka2002.
Eliqhula lithi imali ikhona kuburharha, nto nje ifuna umntu aphumele kwamanye amaphondo nanjengoko apha ephondweni ingekathathelwa ngqalelo.
Ngaphandle kokuqhula elityendyana linguNozaku-zaku weSilulo College. Ukwanguye nombhali wamabali, umdlali weqonga, kwanomdidiyeli wemidlalo yeqonga(Films).
Imiceli-mingeni ajongene nayo kukungabanazixhobo zokwenza lo msebenzi wakhe. Ngenxa yokutsala nzima nokungabinazintsiba khange akwazi nokutyelela inkqubo yeDaily Thetha edlala kumabonakude(SABC).
Umnqweno wakhe kukuzibona edlala kumaqonga afana noMzansi Magic kwaye engumdididiyeli weenkqubo ezinkulu kumabonakude.
Xa unqwenela ukumbiza nakoluphi uhlobo lolonwabo uyafumaneka kuleNombolo; 064 088 2386,
I-imeyile yakhe; ohlekisayo.umalume@gmail.com
Mzukisi Mangwane
01 EyoKwindla 2024