UGADE UZIGIBISELA NGAMAGADE IZENZO ZOBUDLWENGU
BIZANA- UMpathiswa weSebe lezeMfundo kwiphondo leMpuma Koloni uFundile Gade wothuke woma kukuva isiganeko sokudlwengulwa komntwana oneminyaka emihlanu(5).
Umntwana lo ubesuka esikolweni samabanga aphantsi i-Emdeni Junior Secondary School esizinze kummandla waseBizana.
Esisiganeko senzeke ngoLwesihlanu weveki ephelileyo umhla wama-29 KweyoMdumba 2024.
Nangona iinkcukacha mayelana nesisiganeko zingekacaci kakuhle kodwa lona ityala lokudlwengula livulilwe ukuze amapolisa weli loMzantsi Afrika aqhube uphando.
ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni lityale igqiza elisuka kwinqanaba lesithili ukuba lityelele esisikolo kunye nosapho lomntwana ukuze kufumaneke iinkcukacha ezithe vetshe malunga nesisiganeko sibuhlungu kangaka.
Ngomvulo umhla wesine kweyoKwindla 2024, iSebe lezeMfundo lizakuqala inqanaba lokuqala lophando.
“Ndishiyeke ndiyinkukhu esikwe umlomo sesiganeko sikhohlakele kangaka, ndinqwenela abaphandi belityala beze nezona nkcukacha zichanekileyo”, Utshilo uFundile Gade.
Uqhube wathi ukuba kukho umntu osemveni kwelishwangushwa lelishwa kuzakukufuneka ephendule ngesisenzo. “Eyona nto ibuhlungu ngalento, abona bantu bekumele bakhusela abantwana ngabo ababadlwengulayo, isehlise mpela isidima nokuzithemba komntwana lena into”, utshilo uMphathiswa.
Uye wadomboza eleleza kwabomthetho ukuba balukhawulezise uphando ukuze lowo uthe wabe wenza lento abhalwe kwiincwadi zasentolongweni.
ISebe lezeMfundo likhuphe amagosa azakujongana nentuthuzelo yasengqondweni kumalungu wosapho achaphazelekileyo sesisiganeko ukuze bafumane ululeko lwengqondo kwi-Ofisi yeEducation Social Support Services(ESSS).
Okwangoku lomcimbi usezandleni zamapolisa kwakunye neSebe lezeMfundo kwiphondo leMpuma Koloni.
Mzukisi Mangwane
03 EyoKwindla 2024