NOKUBA NIZIMPUL’ ZIKALUJACU YENZANI ABANTWANA, SANUKUDINWA
EMONTI-Umbutho wezopolitoko ophikisayo iEconomic Freedom Fighters(EFF) kwiphondo leMpuma Koloni uphehlelele ngokusesikweni umqulu wezithembiso zombutho 2024, ngomhla we 21 kweyoKwindla 2024 kwibala lezemidlalo iAbsa, eMonti.
INkokheli yeEFF uJulius Malema ethetha nenginginya yabalandeli balombutho, uthembise abalandeli bombutho ukuba umbutho uzokuphinda-phinda imali yendodla/yenkam-nkam.”Abantu abadala bazokufumana imali yenkam-nkam engange R4 180, abo baphila nenkubazeko bazokufumana imali engange R4 180, ukanti abo baphila nenkubazeko bonke bazokuxhamla izindlu,” Malema.
Abantwana, umntana ngamnye uzokuxhamla imali engange R1 020, “sanukunyaba yenzani abantwana sanukulala, nokuba uyimpul’kalujacu yenzani abantwana.
Masiziphindaphindeni masishiyeni iinqwaba yabantwana kobubomi,” Malema.
Ukongeza uMalema ugxininisile ukuba nokuba uyimpula’kalujacu unelungelo lokwenza abantwana, “xandisithi yenzani abantwana andibhekisi kwabo bangenalungelo lokwenza abantwana, ndigxininisa kwabo banelungelo kwaye abantwana xabekhona bazokuya esikolweni simahla, bafumane imfundo engcono simahla,” Malema.
Oka Malema ukhuthaze abalandeli ukuba nanjengoko beyiphehlelele ngokusesikweni iManifesto yephondo umsebenzi uqalile ngoku, mayibengulowo nalowo enze u-door-door, uMalema ungqinile ukuba unobhala jikelele wombutho uMarshall Dlamini uzoshiyeka ephondweni kude kufike usuku lokuvota lomhla we 29 kuCanzibe 2024.
22 EyoKwindla 2024