Iindaba

ABHUBHILE AMATYENDYANA AMABINI

LIBODE- Zidyongwana ezimbini(2) ezifunyenwe ziswelekele kwityesi yenkcenkce ngoLwesine kwilali yakuGebane eLibode. Ezidyongwane bezishiyeke nenina elineminyaka engamashumi anesibini(20).

UKonke Nobhokisi kunye no Inikile Mbuyazwe bebeshiyana nje ngonyaka, omnye ubeneminyaka emihlanu(5) omnye eneminyaka emithandathu(6), bobabini bebehlala kwalapha kule lali.

Ngokwengxelo edizwe ngabakwantsasana ezidyongwana bezishiywe phantsi kweliso likadade kaKonke.

Othethelela abakwantsasana uKoloneli Priscilla Naidu uthe, “Ngexesha unina kaKonke ebuyela kwakhe abantwana bebengaziwa nokuba bakweliphi icala”.
Kuye kwenziwa ugqogqo.

Ugqogqo lukhokhele ekubeni iintsana zifunyanwe kwityesi yenkcenkce(Still Trunk) malunga nentsimbi yesihlanu(17h00).

OkaNaidu uqhube wathi, “Nangona uphando lusaqhuba sirhanela ukuba iye yavaleka letyesi ngexesha bebengaphakathi”.

Ukongeza, uNaidu unqwalile ukuba ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ukuze kuqhutywe nophando.

UMkomishinala wamapolisa kwisithili saseOR Tambo uNjengelele Phumzile Cetyana uphose amazwi wovelwano ngokungazenzisiyo emveni kokuba kuvakele esisisthwakumbe sokusweleka kwezidyongwana.

“Sibongoza abazali, abantu abahlala nabantwana okanye nabani na ohleli nabantwana ukuba abeneliso elibukhali xa ehleli nabantwana, kwaye izinto eziyingozi zibhekeliswe kude kwindawo apho abantwana badlala khona, ingakumbi ekhayeni,” Cetyana.

22 EyoKwindla 2024