AZISEBENZI IIMFONO-MFONO ZONYANGO OLUNGXAMISEKILEYO
BHISHO-Zintsuku zintandathu zingasasebenzi iimfono-mfono zonyango olungxamisekileyo kwaye ubomi bezigulane busemngciphekweni.
Imizamo yabahlali iwa phantsi ngalo lonke ixesha bezama ukutsala umnxeba xa bedinga inqwelo yezigulane(Ambulances).Le ngxaki iqale ngoLwesibini.
ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni lohlulakele ukubhatala umnikezeli nkonzo(Service Provider).
Othethela iSebe lezeMpilo ephondweni uMkhululi Ndamase ukugqinile oku ngoMvulo ukuba ngenene abantu xabetsalela umnxeba ezinombolo zikhala epalini.
“ISebe sithetha nje lihleli esithebeni sengxoxo kunye ne’Service provider’ sizingela isisombululo salenyewe kwaye iSebe lizimisele ukubhatala ityala esilityala umnikezeli nkonzo, elityala sizokulibhatala xa kuqala unyaka-mali(Ekuqaleni kukaTshazimpuzi). Siyathemba ukuba iimfono-mfono zizakusebenza kungekudala”.
OkaNdamase khange ayithi vuu ukuba ingaba yimalini elityala, amaziko ezempilo asasebenzisa iimfono-mfono zasesinqeni de kusonjululwe lenyewe.
NgoLwesihlanu weveki ephelileyo iSebe lityekeze ukuba iimfono-mfono azisebenzi kusabhidene nje iikomityi.
Umsebenzi weSebe lezeMpilo ephondweni kwicandelo leenkonzo ezingxamisekileyo nofune ukuba igama lakhe linkonywe uthe, “Xa ndithetha inyani isenza umsindo lento kwaye ke nathi asiyazi ukuba sizokwenza njani nabahlali abafuni kuva amabali, balugcwabevu ngumsindo.
Omnye umzi kamatshonisa usiphathele ngokwakhe umzimba kuba bengasifumani emnxebeni”.Abo badinga ii-‘Ambulances’ bangatsalela umnxeba kwezinombolo:041 354 5404, 041 459 5245 okanye 041 961 5016
WhatsApp: 066 298 0024
25 EyoKwindla 2024