Ezemfundo

ISEBE LEZEMFUNDO EPHAKAMILEYO LIKHABELE NGAPHANDLE IIKHOLEJI EZAZIWAYO

EZEMFUNDO- ISebe lezemfundo ephakamileyo likhabele ngaphandle iikholeji ezaziwayo; Damelin College, City Varsity, Lyceum College kunye neIcesa City Campus ngokusilela ekufakeni amaxwebhu engxelo zemali.

Usomaqhuzu(Director General) kwisebe lezemfundo ephakamileyo uNkosinathi Sishi uzikhabele ngaphandle ezikholeji. Esisisgqibo siza emveni kokuba lamaziko ezemfundo esilele ukufaka amaxwebhu engxelo zemali zonyaka-mali 2021/22 kunye nokudlula ngapha komqobo.

Ngokwengxelo kaMyBroadband, iziko iEducor eliphethe ezikholeji zabucala ezizezona zinkulu eMzantsi Afrika kwaye nezinika ithuba ukuba abafundi bafundele emakhayeni kude.

Eliziko iEducor lijamelene nengxaki yezimali ukusukela ngonyaka ka2020.

Ngoko mmiselo wokubhalisa kwamaziko ezemfundo aphakamileyo abucala, phantsi kwesebe lezemfundo eliphakamileyo, iziko lezemfundo xalikhatyelwe ngaphandle kufuneka libhengezele abafundi zingaphelanga iintsuku ezilishumi elinesine(14) linike abafundi iziqinisekiso zabo kwaye libuyisele abafundi esikolweni kwimfundo abayiphosileyo.

UMphathiswa wesebe lezemfundo ephakamileyo uGqirha Blade Ndzimande, ungqinile ukuba amaziko aphantsi koEducor kudala ephantsi kophando, nanjengoko isebe kudala lifumana izikhalazo ezimangalela iDamelin college imangalelwa ngabafundi.

Kulenyanga iphelileyo Ibhunga leMfundo ePhakamileyo lingqinile ukuba alizukuzikhupha iidiplomas ezilithoba eLyceum.

Ukanti iidiploma ezisixhenxe, isatifikethi esiphakamileyo kunye ne-digri(degree) abafundi khange bakwazi ukuzibhalisela kuba kukho ityala elikhoyo ngakuzo.

ISebe lezemfundo ephakamileyo lingqinile ukuba kungaqhuma kwaEducor kubasiwe.

Ngokwengxelo etyekezwe lisebe lezemfundo ephakamileyo ngomhla we 12 kweyoMnga 2022 igxininisa ukuba ikholeji yaseDamelin ingazithengisi i ‘course’ ezithile kwaye ingathathi bafundi kuzo kuba azikaqinisekiswa kwaye zisekundleni ephakamileyo elawulayo.

Nazi ezi ‘course’:

Higher certificates in PC Engineering

Bachelor of Commerce in Information Management; and

Diplomas in Financial Accounting, HR, Journalism and Media Studies,

Marketing Management, Public Adminstration,

Public Relations and Travel and Tourism.

25 EyoKwindla 2024