KUYAFUNDISWA KWANOKHOLEJI NANGONA KUKHO IZIGROGRISO
DIKENI- Intloko yeDyunivesithi yaseFort Hare(KwaNokholeji) uNjingalwazi Sakhela Buhlungu, uthi ukusukela ngoko kwabulawa unogada wakhe kwiinyanga ezilishumi elinesine(14) unyamezele izigrogriso, ezimgrogrisa ngokumbulala.
OkaBuhlungu ugxininisile ukuba iminyaka yakhe emihlanu kuleDyunivesithi oko ephila ubomi bentshontsho. Oogxa bakhe babulewe phambi kwakhe ejongile. Kukrokreleka ukuba babulawelwa unxulumano lorhwaphilizo kunye neziniki-maxabiso.
Ngelixesha libi kangaka uphi uVC?
“Abantu bacinga ukuba ndizimele phantsi kwebhedi, hayikhona ndikhona mhla-nezolo ndiyabonakala kwiKhampasi. Ngexesha lokuvuyisana nabafundi ndiyavuyisana nabo,” Buhlungu.
UManejala kwicandelo lezoThutho kunye nefleet uPetrus Roets wadutyulwa wabulawa kwindawo yaseGonubie eMonti ngenyanga kaCanzibe 2022. UMboneleli Vesele, owayengunogada ekwaqhubela uBuhlungu wadutyulwa wabulawelwa eDikeni ngomhla we-06 kweyoMqungu 2023.
OkaBuhlungu ecacisa isimo ukuba sasinjani eKhampasini ngelaxesha kwakukhala izulu lezandla uthe, “Andifuni ukuxoka ukusukela kubafundi, abasebenzi kunye neqoqo eluphezulu wonke umntu wayebambe amazinyo esoyika”.
Ukongeza uVC uthe, “Ngexesha kwakubulawa uRoets ngo2022, ndaqaphela ngoko ukuba iyafuna ukuqwalaselwa lenyewe. Wabulawa ngosuku lwesine lothweso zidanga, emveni kwemini”.
Nangona okaBuhlungu ephila phantsi kwezigrogriso ungqinile ukuba yona iDyunivesithi iyasebenza ayimanga. IDyunivesithi yaseFort Hare inembali etyebileyo kakhulu nekhupha izithwalandwe ezingompondo zihlanjiwe eziphatha nelizwe, ezifana noMongameli ongasekhoyo waseZimbabwe uRobert Mugabe, owayengu Mongameli waseZambia uKeneth Kaunda kunye noNelson Mandela.
Ngexesha lepasika kulonyaka uphelileyo zikhona izigila-mkhuba ezibanjiweyo, lonto inikisa ithemba ukuba ingalo yomthetho kuyabonakala yenza umsebenzi wayo.
“Ndingumpondo zihlanjiwe ndiyayazi into endiyizeleyo apha, andingenanga kwezizihlangu njengeqabane lombutho othile, ndizosebenza,” utshilo okaBuhlungu.
25 EyoKwindla 2024