Ezolonwabo

SEKUMBOVU SITYEBISE AMEHLO KUMABONAKUDE

LUSIKISIKI- Ligqiza labalinganiswa nabadlali beqonga elintingele kuMasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill kwidolophu yaseLusikisiki besuka kwiziphaluka ezahlukeneyo zaseMthatha.

Eligqiza likhokelwe nguGqirha uYongama Mrwetyana, bagaleleke kuledolophu bezokufota amabali azakudlala kuMabonakude.

Eligqiza lisebenzisana nombutho omkhulu wabangcwabi i-Khwalo Funeral Services nezinze kuledolophu kodwa ithe tshitshilili mbombo zone zeli.

Izolo ibinguphantsi-phezulu kufotwa isiqendu sokugqibela kwindawo yakuGandundu nekwelona didi luphezulu ngobuhle kwindawo yaseLusikisiki.

Lo kaMrwetyana utyumbe ulutsha lwengingqi yaseMthatha kunye nolutsha lwaseLusikisiki ukuze bakwazi ukupheka oluncuthu mazangwa lomdlalo weqonga.

“Ibali ebezilenza izolo linika umdla kakhulu, linesihloko esithi; ‘KWELAKHAYA’ apho kungcwatywa inkosi yooFaku umhlekazi uNdamase obenamakhosikazi amathathu, lonto ikhokelele kwimpixano nengqumbo phakathi kwalamakhosikazi kwakunye nabantwana”, utshilo okaMrwetyana.

La makhosikazi awahlali ndawonye, amabini ahlala edolophini kodwa umfazi wokuqala uhlala ezilalini kwaye ungumfazi omdala. Indoda yakhe ibhubhe sele ingasaboni ngosonye nomfazi wokuqala nto leyo ekholelele kwimpixano nengxushu-ngxushu engalamlekiyo kwelikhaya, bonke abantwana nabafazi balwela ilifa.

OkaMrwetyana unomnqweno namaphupha wokuba bonke ooSomashishini bazibandakanye nalomsebenzi ukuze bazibeke kwithuba lokupapasha awabo amashishini kuquka abo banezindlu zokulala, izithuthi, imali nanjengoko umthwalo unzima kakhulu.

U-Bongisile Josbede “Dj Ntshontsho” ongomnye wabalinganiswa ekwangunyana wokuqala wenkosi uthe, “Ndiyazingca kwaye ndizingomba isifuba ngokubayinxalenye yaleProjekthi kwaye ndinomdla wokuzibona ndidlala kumaqonga aphezulu”, utshilo.

ULwandile Mngonyama uzibandakanye naleProjekthi kwaye uyaqala ngqa ukubangumdlali weqonga, “,Ndiswele amazwi wokubulela kukuwelwa ngumqa esandleni ngokuthi ndibeyinxalenye yalomsebenzi”.

Eligqiza lihamba nenkampani enkulu kamakhwekhwetha nompondo-zihlanjiwe kwezobugcisa i-‘Classy Media Services’ ekhokelwa nguSimphiwe Nyaba ophuma eGqeberha.

UFikile Tutshana “Bra Fix” okwanguMsasazi kwi-UCR-fm ngomnye wabadlali abaphambili obexhelel’exhukwana yimincili ngexesha echubelana isikhwebu negqiza leendaba i-Eastern Cape Daily News, “Msasazi kumnandi apha, kodwa ke bukhona ubunzima nanjengoko singenayo imali yokutya, ukukhwela nokulala, siyayicela inkxaso koSomashishini”.

Mzukisi Mangwane

26 EyoKwindla 2024