UKUPHILA NENKUBAZEKO AKUMTYHAFISI NAKANCINCI
DUTYWA- Ophila nenkubazeko yobuchopho ugogeke zonke izihlahla zakhe. uKhanyisa Kufa(19) akakwazi ukusebenzisa izandla zakhe, kodwa lonto akhange imnqande ukuba abengowokuqala kowabo ukuya eDyunivesithi.
Wenza unyaka wakhe wokuqala kwimfundo enomsila(Bachelor in Communications) kwiDyunivesithi yaseFort Hare, usebenzisa iinyawo zakhe xa ebhala naxa esenza ezinye izinto kwaye iphupha lakhe kukubayintatheli yehlabathi.
UKhanyisa yinzalelwane yaseDutywa uthethe wenjenje, “Xandibaliselwa ngumama uthi ndandineenyanga ezilishumi elinesibhozo(18) ngexesha apho waqaphela khona ukuba ibhotile yam yobisi ndandiyibamba ngeenyawo ndiyisondeze emlonyeni xandizoncanca. Ukusukela ngoko oko izinto ezithile ndizenza ndisebenzisa iinyawo, ezinye izinto ndiyacediswa kuzo”.
Abanye baye baphele amandla xabekwimeko ezikumila kanje, kodwa umama kaKhanyisa ubongapha kwalonto uyaqinisekisa ukuba uyamkhuthaza umntana wakhe.
Ukongeza uKhanyisa uthe, “umama wam ebendikhuthaza endixelela ukuba akukhonto ndingakwaziyo ukuyenza, kwaye bendingafundi kwisikolo sabo baphila nenkubazeko. Bendifunda kwisikolo sabafundi bonke, bendifumana nenkxaso eyaneleyo yezidingo zam ezifana nesitulo ukuze ndibhale kakuhle,” uthethe watsho.
UKhanyisa wenza unyaka wakhe wokuqala kwiDyunivesithi yaseFort Hare, upase iMatriki yakhe kwisikolo samabanga aphakamileyo iColosa, ubuye ne’Distiction’ yolwimi lwesiXhosa, “Ndivuye kakhulu xandifumana le ‘Distiction’ iphupha lam ndiyalibona ndifuna ukuba ngumfundi weendaba zolwimi lwesiXhosa kunomathotholo,” Khanyisa.
Icandelo labo baphila nenkubazeko kwiDyunivesithi yaseFort Hare ligxininisile ukuba uKhanyisa makazive ekowabo.
Lentwazana izithethelele ngokuthi ingathi ayifiki imini yakhe yoyokuthatha isidanga sakhe eqongeni kubemnandi kubeyilonto.
“Ndinxanelwe uyokukhangela iindaba, ndibelilizwi labo batshelwe ngamazwi,” uqoshelise watsho uKhanyisa.
26 EyoKwindla 2024