Iindaba

AKAZUKUBAKHO UCIMI-CIMI WOMBANE KULE PASIKA

ESKOM- Inkampani ephehla umbane uEskom ingqinile ukuba akazukubakho ucimi-cimi wombane kule pasika ukusukela ngomhla we 27 eyoKwindla kude ibengumhla wepasika, 31 eyoKwindla emveni kwemini(16:00).

Lenkampani iyirhoxisile okwethutyana i’Loadshedding’.

Lenkampani ikubhengeze oku kwikhasi layo lonxibelelwano uX, “Ngexa yomthamo wombane esinawo singakwazi ukhuqhuba sikhanyise, sinomthamo ongange 2 300MW kwaye siyacingela ukuba kulempelaveki umbane akazukusetyenziswa kakhulu. Lonto ithetha ukuba uqhawulo lombane siyalurhoxisa kude kubengeCawa”.

Lenkampani igxininisile ukuba olunye unxibelelwano olunxulumene no cimi-cimi wombane, izokuphefumla ngeCawa emveni kwemini.

UEskom ubongoza uluntu ukuba lucime izinto ezingabalulekanga nezingasetyenziswayo.

Yithi gqolo uhlale ku; www.ecapedailynews.co.za ukuze ufumane iindaba ezinxulumene no cimi-cimi wombane.

Amashishini amanintsi azokuvala iintsuku ezine nanjengoko esingise epasikeni, lonto ithetha ukuba umbane awuzukusetyenziswa kakhulu.

28 EyoKwindla – AYIKHO LOADSHEDDING

29 EyoKwindla – AYIKGO LOADSHEDDING

30 EyoKwindla – AYIKHO LOADSHEDDING

31 EyoKwindla – AYIKHO LOADSHEDDING kude ibeyintsimbi yesine(16:00)

28 EyoKwindla 2024