Ezemfundo

BASHIYEKE BEMBANGUZA ABAFUNDI

KWABHACA- Ngabafundi abangamashumi asixhenxe(70) abashiyeke bengodingindawo kwindawo yokuhlala abafundi kwisikolo saseMakaula Secondary, KwaBhaca.

Ngumlilo obulwatyuza ngamandla nobashiye bengenakwanto ngaphandle kwezi bebezinxibile, kwaye abantwana abachaphazelekileyo baphuma kwizikolo ezintlanu(5).

Aba bantwana bebezimase Iiklasi zokuhlaziya zaseKwindla(Autumn Revision Classes) eziququzelelwa ngurhulumente wephondo eziyinxalenye yesicwangciso-qhinga sokuphuculwa komfundi; “Learner Attainment Improvement Strategy” (LAIS).

Lo mlilo nobulwatyuza ngamandla utshabalalise sonke esisisakhiwo, sakhiwo eso sasenziwe ngomnyaka ka-2014 sinamagumbi amathathu(3) wokuhlala abantwana.Akukho kwanto eshiyekileyo, yonke into ebingaphakathi itshe yangqongqa, ukukhankanya iiMatrasi, Iibhedi kunye neempahla zabantwana zonke.

Abacimi-mlilo, amapolisa baleqile kwindawo yexhwayelo, netyala lokutshisa livuliwe kumapolisa weli loMzantsi Afrika ukuze kuphononongwe unobangela walomlilo.

Xa bebonke abantwana abazimase ezizifundo bangamakhulu asixhenxe aneshumi elinesine(714) kwaye basuka kwindawo ezahlukeneyo ekuquka kuzo; Huku, Buffalonek, Khulangophondo, Makaula naseLoyiso. Akukho nomnye umntwana ochazwe njengowonzakeleyo kuba bonke abantwana bebekumagumbi wabo wokufunda.

UMphathiswa weSebe lezeMfundo kwiphondo leMpuma Koloni uFundile Gade ucenga amalungu wokuhlala ngokuthi aze ngaphambili ingakumbi ekuncediseni amapolisa kukhawuleziswe uphando.Le ndawo yokuhlala abafundi abangamantombazana baseMakaula High izakubayingxaki nanjengoko sele kumbovu zivulwe izikolo ukulungiselela ikota yesibini(2) ezakuqala kwinyanga kaTshazimpuzi.

ISebe lithembisile ukuba lizakuwenza unako-nako ukuncedisana nesikolo ukuze abo bachaphazelekileyo bakwazi ukufunda.Okwangoku iSebe sele lityale igqiza leengcaphephe neengcungela ezizakujonga umonakalo.

Okwangoku akukabikho mntu sele ebanjiwe ngesisiganeko, kodwa uphando luyaqhuba.

Mzukisi Mangwane

28 EyoKwindla 2024