LITSHINTSHIWE IGAMA LEDOLOPHU
NQWEBA- IDolophu nebisaziwa njenge Kirkwood phantsi koMasipala wasekuhlaleni iSundays River Valley, litshintshiwe igama layo ngoku izokwaziwa njengeNqweba.
Oku kuza emveni kokuba uMphathiswa wesebe lezimidlalo, inckubeko kunye nobugcisa kuZwelonke uZizi Kodwa ekugqinile oku, elandela uSection 102 wokutshintshwa kwamagama ngokugunyaziswa libhunga lokutshintsha amagama eMzantsi Afrika.
Ikomiti yephondo ejongene noguqulo lwamagama leMpuma Koloni yayibambe intlanganiso ngenyanga yeNkanga 2023, ukuze uluntu luthi thaca igama elifuna ukuba ledolophu ibizwe ngalo.
USodolophu womasipala iSundays Valley River uCllr. Solethu Lucas ukuqhwabele izandla ukutshintsha kweligama laledolophu.
Ikomiti ejongene noguqulo lwamagama eMpuma Koloni, ibongoza uluntu olungonwabanga ngoluguqulo leligama, ukaba lubhalele i-ofisi kaMphathiswa zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu(30).
28 EyoKwindla 2024