Iindaba

UDEDERHU LWEVENKILE ZEPHONDO ZITHENGIWE

GQEBERHA/MONTI- Olona dederhu lwevenkile zinkulu ephondweni ekugqibeleni zinabanikazi abatsha, iBaywest egxumenke iintente eGqeberha ukanti iHemmingways ezayo izigxumeke eMonti.

Kwingxelo etyekezwe ngumthengi0 iHangar 18, “lamashishini nebephantsi kohlangulo ukusukela ngonyaka ka 2022, ekugqibeleni siwathengile singuHanger18 ishishini ngalinye lisityabule isixa-mali esingange R1.3 yebhiliiyoni”.

Lenkampani iwathenge lamashishini ngenyanga yoMsintsi 2023, zonke iimpepha zingaku Hanger18.

Omnye wosomaqhuzu kwinkampani iHanger 18 uMarc Edwards, unqwalile ukuba uvuya kakhulu ukuba ekugqibeleni bade bawathenga lamashishini.

IBaywest yazivula iingcango zayo ngonyaka ka2015 ukanti iHemmingways yona yazivula iingcango ngo 2009, zombini ezidederhu zevenkile zigxumeke iintente koMasipala abambaxa bephondo.

28 EyoKwindla 2024