Iindaba

UKENTUCKY UQHOTSE ABASEBENZI ABAHLANU

KOMANI- Ivenkile eqhotsa inyama yenkukhu(KFC) kuKomani kutyholwa ukuba igxothe abasebenzi abahlanu ngokuthengisa izonka ezincinci(mini loaves) ukuze bonyuse ingxowa-mali yesandla esiphisayo yeeponti(R2).

Ababasebenzi bazithethele ngokuthi umphathi wabo wavuma ukuba bangazithengisa ezizonka, ukuze bonyuse izinga lokwenyusa lengxowa-mali yeeponti.

Omnye wabasebenzi esilinkonyileyo igama lakhe uthe batyityimbiselwa umnwe(warning) ukuba bayasilela abathengi ekunikeleni ngeeponti.

“Sikuxininzelelo elikhulu kakhulu apho rhoqo ngeyure umanejala usoloko ezokusikroba ukuba siqhuba njani ekuceleni eziponti, kodwa ngelishwa asikwazi ukunyanzelisa abathengi bazikhuphe,” uthethe watsho lowo igama lakhe esilinkonyileyo.

Ukongeza uthe,”sasikhe sabacebisa abaphathi ukuba benze nokuba yisuphu(soup kitchen) ukuze abathengi bayibone imali yabo ukuba iyaphi, abantu abathandi ukunikela bengayazi ukuba iyaphi imali yabo”.

Ababasebenzi bade bafikelela kwisigqibo ukuba eziponti bazokuzitya kubo ezimpokothweni ukuze bakhulise lomnikelo, kodwa khange bakwazi ukulenza ixesha bohlulakala.

Lomsebenzi woleke wathi,”kulonyaka uphelileyo ngenyanga yoMnga omnye wabaphathi wanqwala ukuba singathengisa ezizonka zincinci ukuze sikhulise lengxowa-mali yeeponti”.

Kulonyaka uphelileyo loKFC wothulelwe umnqwazi njengowona uqokelela iiponti.

“Eliqhinga belisisebenzela kakhulu de kwafika ixesha lokuba sibhaqwe ukuba sithengisa izonka zevenkile ekunyuseni lengxowa-mali yeeponti, oomanejala emveni kokuba sibhaqiwe bachwechwele kude kunathi, bazenza ingathi abayazi lento” uthethe watsho umsebenzi.

Ababasebenzi baye babizelwa kumanyathelo oluleko kule veki iphelileyo, kulapho lonto ikhokhele ukuba bagxothwe.

UManejala wezonxibelelwaniso eKomani uLuyanda Kapu yonke imibuzo uyiphose kwi ofisi yephondo eseGqeberha, ukanti le ofisi yakwaKFC iseGqeberha yalekwaphela ukuphefumla.

Kwikhasi lonxibelelwano uX, uKFC ubhale,”eliphulo leeponti lixhasa imibutho engenzi nzuzo eyi-140, kwaye eliphulo liqinisekisa ukuba kubantwana abayi 150, 000 akukho namnye olala nesisu esisemqolo.

28 EyoKwindla 2024