IBINGU QHU SAA! IINKOKHELI ZOMBUTHO ZITHE BHAZALALA
MPUMA KOLONI- Bezithe bhazalala kwiimvaba ngeemvaba iinkokheli ezikwangabathunywa bombutho ophetheyo i-African National Congress(ANC), ephondweni.
Ezinkokheli uninzi lwazo bezikhuthaza abantu ukuba babhalisele uvoto nanjengoko kungasentsuku zatywala lugaleleke usuku lokuvota.
Kodwa eyona nto ingamandla, bebeyocela imithandazo ukuze ulonyulo lusulungeke, luzimele kwaye lungabinamkhethe.
Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni Lubabalo Oscar Mabuyane ubeyizimase eKWT Methodist Church eQonce.
Ilungu lePEC elikwanguMphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade uye watyelela ibandla laseGod’s Heart Family Church.
Elinye ilungu lePEC uBukiwe Fanta ubeyizimase le nkonzo eCwecweni Methodist Church.
Ongowokuqala ngqa usekela-nobhala jikelele uNomvula Mokonyane uye waziminca ngeMethodist Church of Southern Africa, Kumkani Hintsa, Dutywa Circuit 330.
UMphathiswa weSebe lezemidlalo, Ubugcisa nenkcubeko, aphinde abelilungu lePEC, uNonceba Kontsiwe ubeduda nabazalwane baseSonwabile Community Hall eNqanqarhu Village kwawadi 3.
Elinye ilungu lePEC elikwanguMphathiswa weSebe lezothutho kunye nokhuseleko uXolile Nqatha ubebheshuza eFree Salvation Church, eGqeberha.
Ukanti yena usekela-nobhala kundlunkulu wepalamente yaseBisho uHelen Sauls-August, ubezimase le nkonzo eSt Patrick’s Church eBuffalo City, ngelixesha uSiyabulela Zangqa olilungu lePEC ubetyityimba eAfrican Gospel Church kuwadi 8 eWalter Sisulu.
Mzukisi Mangwane
29 EyoKwindla 2024