EzasekuhlaleniUlwaphulo-mthetho

ZINKOLO-NKOLOZA EZISELENI IINKOKHELI ZE-ANTI CRIME

MAKHANDA- Ngomhla weshumi elinesine kweyoKwindla 2024, latshona emini ilanga kwiinkokheli eziphambili ze’Neighborhood Watch’ yaseMakhanda kunye nabaseki beqonga lezonxibelelwano i-‘Grahamstown Anti Crime’.Ngomhla weshumi elinehlanu kwakule yoKwindla 2024, ezinkokheli zithe tshe! Kancinci kwiNkundla kaMantyi kodwa wakhanda ngenqindi phantsi uMantyi esithi akanazukunika ingqawule iinkokheli ezimbini nanjengoko zisajongene nelinye ityala elinobuzaza lokubulala.

Esona sizekabani sokuvalelwa kwezinkokheli kutyholwa ukuba zaphembelela ukubulawa komntu kwindawo yaseExtension 7.Ngomhla weshumi elinesibhozo kuTshazimpuzi ezinkokheli zizakuphinde zithi cakatha imicondo kwiNkundla kaMantyi.

Iinkokheli ezinqakulwe ngamapolisa zavalelwa nguLuyanda Sakata, Vuyo Madinda, Mphithizeli Diko kunye noXolisile Mlatsha kodwa uLuyanda Sakata kunye noMphithizeli Diko bajongene nesimhoka-mhoka setyala eliqhubayo ezinkundleni apho kutyholwa ukuba bayinxalenye yokubulawa komfana ngabahlali kwibala laseMiki Yili ngonyaka ka-2022.UVuyo Madinda kunye noXolisile Mlatsha bangaphandle ngengqawule yamawaka amahlanu(R500) kuba bengenawo amatyala abanxulunyaniswa nawo ngaphandle kweli linye bajongene nalo ngoku.

Xa besincokola nelinye lamalungu we’Neighborhood Watch’ eliphuma eluvalelweni uVuyo Madinda uthe, “La matyala sityatyekwa ngawo awanasihlahla nto nje sileqwa singengenabhola”.

Omnye wabahlali ongafunanga kudizwa ngegama uthe, “Ngaphandle kwe ‘Anti Crime yaseMakhanda asiyonto, amapolisa afana nje namadoda afe ethwele iminqwazi”.USihle kaSando uthe, “Liyelenqe nje eli, kwaye lizakuphelela emoyeni okwezithuku-thuku zezinja”.Ongusekela sihlalo we’Neighborhood Watch’ uSphokazi Ndyambi uthe, “NgoMvulo sicela abahlali baphume ngobuninzi babo kutyikitywe incwadi yezikhalazo(Petition) ezakunikwa uMantyi, sicela kananjalo abaneenqwelo-mafutha zokuthutha abantu bavele ngaphambili”.

“Inkxaso siyicela nakubani mbombo zone zeli ukuze kukhulwe ezinkokheli ingakumbi ukuqokelelwa kwemali yengqawule”, utshilo.

Mzukisi Mangwane

29 EyoKwindla 2024