ISUBE IMIPHEMFULO EMIHLANU INGOZI EMASIKISIZI KWIPHONDO LEMPUMA KOLONI
NGQUSHWA- Bahlanu(5) abantu abaphulukene nobomi kweyona ngozi yakhe yambi kakhulu kwiphondo leMpuma Koloni.
Ngabantwana ababini(2), umntu omdala oyindoda(1) kunye namanina amabini(2), ishumi elinesibini labantu liye lafumana imigruzuko engephi. Bonke abonzakeleyo baleqiswe kwisibhedlele saseSettlers eMakhanda ukuze bafumane ukubhila-bhilwa ngugqirha.
Le ngozi yenzeke kuhola wendlela uN2 ophakathi kweNgqushwa neMakhanda xa limpondo zankomo kwisithuba sentsimbi yesithandathu.
Sisithuthi esiluhlobo lweToyota Quantum kunye neLori ebimile. Esisithuthi sikawonke-wonke siqhaphele ukuba le Lori iza ngakuso sazama ngandlela zonke ukuphepha ngelishwa satyibilikela ngakule Lori.
Umqhubi waleLori uye wabhungca engenawo nonjani umgruzuko, yena umqhubi wesithuthi sikawonke-wonke uphakathi kwabo bonzakeleyo.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ukuze kuqhutywe uphando.
Osisithethi seSebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthe,” siliSebe sizakusungula iphulo elizakusebenza imini nobusuku ukuqinisekisa ukuba azikho iingozi ezindleleni ngelixesha likaxakeka”.
UMphathiswa weSebe lezoThutho ephondweni, uXolile Nqatha ugqithise amazwi wovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo, edomboza kananjalo ukuba abantu baqhube ngenkathalo.
Mzukisi Mangwane
30 EyoKwindla 2024