Iindaba

NGUCUMBELELE WEENGOZI NAMHLANJE 

MQANDULI- Alipholanga tuu iphondo leMpuma Koloni kwezintsuku zepasika ngokubhekiselele kwiingozi ezindleleni.

Izolo umhla wamashumi amabini anethoba kweyoKwindla 2024, ngabantu abane(4) abaphulukene nobomi, lo gama esinye isine(4) sifumane imigruzuko engephi kwingozi embi kakhulu kuhola wendlela uR411 eMqanduli.

Yinqwelo-mafutha eluhlobo lweToyota Fortuner ebizama ukudlula kwenye waze umqhubi waphulukana noluwulo lwesithuthi sakhe.

Lonto ilibeke kwithoba(9) inani labantu ababhubhele endleleni kwiingozi ezahlukeneyo. Enye ingozi yenzeke namhlanje ekuzeni kusa phakathi kweNgqushwa neMakhanda, apho kuye kwabhubha abantu abahlanu(5) bebhubhela kwindawo yexhwayelo. 

Ingxelo ithi sisithuthi sikawonke-wonke esiluhlobo lweToyota Quantum esiye sayakuntlaleka kwiLori ebigcwele isamente.

Kulena ingozi eyenzeke eMqanduli bekukhwele kuyo abantu abasibhozo(8).

Amadoda amane(4) nasele ekhulile aswelekele kwindawo yexhwayelo kuquka nomqhubi.

Indoda enye(1) eyonzakeleyo namanina amabini(3) aleqiswe kwisibhedlele saseZithulele ukuze afumane unyango oluthe kratya.

Unobangela wesisiganeko usaphandwa netyala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samaPolisa waseMqanduli ukuze kuqhutywe uphando oluthe vetshe.

Kusenjalo kuNdabakazi eGcuwa yibhaki yakwaToyota entlithene neLori yakwaIsuzu, okwangoku iinkcukacha malunga nalengozi besingekazifumani,

sifikelele kwixesha lokupapasha elinqaku zingekafumaneki.

UMpathiswa weSebe lezoThutho ephondweni, uXolile Nqatha ugqithise amazwi wovelwano angazenzisiyo, ekwahlaba ikhwelo kubaqhubi nakubahambi ngeenyawo ukuba bahlale bethe qwa nanjengoko umthamo uzakunyuka ngomso kuba abantu bebuyeka emakhaya.

Mzukisi Mangwane

30 EyoKwindla 2024

ReplyForwardAdd reaction