UMTHETHO UNGQINGQWA EZINDLELENI
EZINDLELENI- UMphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha ulumkisa abasebenzisi bendlela egxininisa kakhulu kubaqhubi bezithuthi ephondweni ukuba, ugqogqo lwezithuthi lumqilima.
Oku kuza emveni kokuba impela veki yepasika ikhabela emaphethelweni, kwaye ngoku abantu bazokubuyela kwindawo abahlala kuzo. Umthamo wezithuthi ezindleleni sele uqalile ukwenyuka ingakumbi kwiindlela ezisetyenziswa ngamandla ezifana noR61 osingise kwiphondo laseNtshona Koloni kunye nakuhola wendlela uN6 odibanisa amaphondo omntla ntshona onqumla eKomani kunye naseMaletswai.
Kwingxelo edizwe lisebe lezothutho ephondweni, “Ngabantu abalishumi elinesihlanu(15) abashicilelweyo njengabaswelekileyo kwindlela zephondo ngale mpela veki yepasika ukuzokuthi ga ngoku. NgoMgqibelo kusweleke abantu abalithoba(9) kwingozi ezimbini ezahlukeneyo, enye yenzeke eMakhanda enye yenzeke eMqanduli”.
UMphathiswa uNqatha uthe, “Isigqibo sokuphumelela ubala ngezizicwangciso kwelityeli akuyompazamo, injongo kukuqinisekisa ukhuseleko ophazamileyo siyamvalela asihleki, ndikwaphokoza amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo kwabo bathe bahlelwa lelilifu limnyama ngale pasika”.
31 EyoKwindla 2024