Iindaba

YINYHIKITYHA YOKUFA EKHATSHWA YIMPALALO-GAZI KWASATHANA

NGCOBO- Namhlanje ngecala emveni kwentsimbi yesibhozo(08h30) kwindlela uR58 ophakathi kweNgcobo neKhowa(Elliot) lichithekile igazi kwindawo yakwaSathana.

Ngabantu abahlanu(5) abanabele uqaqaqa kwangxwelerheka abalithoba(9). Yibhasi encinci ebizama ukudlula waze umqhubi waphulukana noluwulo.

LeBhasi eluhlobo lweVW Sprinter ibikhwelise abantu abalishumi elinesine(14) isuka kwicala laseKhowa isiya ngaseMthatha, abakhweli bebesuka eRustenburg besiya eMthatha.

Kwesisihlanu(5) sibhubhileyo, ngabasetyhini abathathu(3) indoda enye(1) kunye nemveku enenyanga ezimbini.

Abane(4) bakwimeko engaginyisi-mathe, abathathu(3) bona bakwimeko embi kodwa ezinzileyo.

Ngokwengxelo umqhubi uye wasinda engenawo nomgruzuko. Bonke abonzakeleyo baleqiswe kwisibhedlele i-All Saints eNgcobo, abanye baleqiswa eNelson Mandela Academic kunye naseGeneral eMthatha.

Uphando luyaqhuba kwaye netyala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samaPolisa waseNgcobo.

NGCOBO- Namhlanje ngecala emveni kwentsimbi yesibhozo(08h30) kwindlela uR58 ophakathi kweNgcobo neKhowa(Elliot) lichithekile igazi kwindawo yakwaSathana.

Ngabantu abahlanu(5) abanabele uqaqaqa kwangxwelerheka abalithoba(9). Yibhasi encinci ebizama ukudlula waze umqhubi waphulukana noluwulo.

LeBhasi eluhlobo lweVW Sprinter ibikhwelise abantu abalishumi elinesine(14) isuka kwicala laseKhowa isiya ngaseMthatha, abakhweli bebesuka eRustenburg besiya eMthatha.

Kwesisihlanu(5) sibhubhileyo, ngabasetyhini abathathu(3) indoda enye(1) kunye nemveku enenyanga ezimbini.

Abane(4) bakwimeko engaginyisi-mathe, abathathu(3) bona bakwimeko embi kodwa ezinzileyo.

Ngokwengxelo edizwe liSebe lezoThutho ephondweni, umqhubi uye wasinda engenawo nomgruzuko. Bonke abonzakeleyo baleqiswe kwisibhedlele i-All Saints eNgcobo, abanye baleqiswa eNelson Mandela Academic kunye naseGeneral eMthatha.

Uphando luyaqhuba kwaye netyala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samaPolisa waseNgcobo.

02 Tshazimpuzi 2024