Iindaba

IPHONDO LITHUMELE IMFUYO KWILIZWEKAZI LASE KUWAIT

EMONTI- Ngomhla wesithathu kule imiyo Inkulu Baphathiswa yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ugunyazise ngokusemthethweni ukuthumela ngaphandle imfuyo esaphilayo kwilwizwekazi laseKuwait, eWest Asia. Ziigusha eziyi 56 000, iinkomo eziyi 1 500 kunye nebhokhwe eziyi 200 ezisingise kwelilizwekazi nezisuke izolo kwizibuko laseMonti, zihamba ngenqanawa yeAl Mashwai SA.

Yonke lemfuyo iyonke izise ingeniso engapha kwe R200 yezigidi zeerandi.

Lemfuyo isuka kumaphondo ohlukeneyo, kwiphondo laseMpuma Kolono, iphondo loMntla Ntshona kunye nakwiphondo laseNtshona Koloni.

OkaMabuyane ebekhatshwa nguMphathiswa wesebe lophuhliso lwamaphandle kunye nohlaziyo lomhlaba ephondweni uNonkqubela Pieters kunye nomongameli wombutho iAgri Eastern Cape uPieter Cloete kunye noosomaqhuzu bakwa Al Mashwai SA.

Izinga eliphezulu lokufunwa kwenyama ebomvu libeka amafama ephondo leMpuma Koloni ukuba akwazi ukwenyusa uqoqosho ukanti urhulumente wephondo uncedisana namafama ukuze akwazi ukuthubeleza angene kwi ‘Middle East market’ ngokuthumela iimfuyo yabo.

OkaMabuyane ethetha kwizibuko laseMonti ngexesha egunyazisa ukuba lemfuyo ingathunyelwa, ungqinile ukuba ukuthunyelwa kwalemfuyo kwenza uqoqosho lephondo ukuba likwazi ukuphefumla.

“Lemfuyo isuka ephondweni isingise eKuwait ithetha lukhulu lonto gqithi kuthi kuba kumnandi ukubona uqoqosho lephondo likhula, uyawukhumbula ukuba ezolimo/imfuyo(Agriculture) zibaluleke kakhulu,” utshilo uMabuyane.

Lomtshato wokuthumela imfuyo kumazwe angaphandle uqale ngonyaka ka2019 iphondo lisebenzisana neAl Mashwai SA. Ukusukela ngonyaka ka 2020 – 2023 ukuthunyelwa kwalemfuyo kumazwe angaphandle kwenze isixa-mali esingange R460 yebhiiliyoni zerandi.

UMongameli wombutho iAgri Eastern Cape uCloete, ungqinile ukuba onke amafama ayaxhamla mbombo zone kweliqhinga lokuthunyelwa kwemfuyo/ezolimo kumazwe angaphandle.

“Ndibone kwanto apha ngaphakathi ngoku kulayishwa iigusha ndibonile ukuba zondlekile kwaye zityisiwe azixinenanga zihleli nje kakuhle, lonto iyandonwabisa akhongxaki ikhoyo,” utshilo oka Cloete.

Ukongeza abahloli beziko elijongene nezilwanyana(NSPCA) nabo bebekhona ngexesha ilayishwa lemfuyo besebenzisana kunye nesebe lezolimo ephondweni ukuqinisekisa ukuba imithetho iyalandelwa ngendlela efanelekileyo.

Iyonke imali engenileyo zizigidi ezingange R206million kuquka ukuhanjiswa kwemfuyo, ukutyiswa kwemfuyo kwakunye nokutyiswa kwemfuyo ngexesha ikwinqanawa.

04 Tshazimpuzi 2024