EzemfundoIindaba

UMFUNDISI-NTSAPHO UYITYWATYUSHE YAYEKA NESOSIKOLO INTOMBAZANA

NGQELENI- Umfundisi-ntsapho wesikolo samabanga aphezulu i-Sandi SSS ekuMasipala waseNyandeni kwisithili saseO.R Tambo Coastal kutyholwa ukuba uyingombe yayeka isikolo intombazana.

Ingxelo epapashwe nguPetros Majola weKhula Community Development Project idiza ukuba le ntombazana ibethelwe ukufika emveni kwexesha ebelibekwe ngumfundisi-ntsapho.

Ngokwengxelo le ntombazana bekumele ukuba ifike ngomkhono emveni kwentsimbi yesithandathu(06h45) kodwa yona iye yagaleleka ngemizuzu emibini ibethile intsimbi yesixhenxe(07h02).

Le ntombazana ibibuyela okwesibini esikolweni emveni kwexesha ihleli ekhaya ijika nelanga, kodwa ayazanga ukuba izakudibana neembila zithutha. Igagane nephengeshe lomfundisi-ntsapho olugcwabevu ngumsindo. Letitshala imngombe lo mntwana wadumba isandla.

Abangasemoyeni batyhola ukuba Umfundisi-ntsapho lo akazange acele noxolo, endaweni yalonto watyabeka le ntombazana ngezithuko, eyonyelisa ngandlela zonke.

Xa ebalisa umntwana uthi uye waya kwiNqununu yesikolo eyokuyibikela ngesisehlo, nqununu leyo ephendule ngelithi “Ingaba wena uhamba ngezandla noba uhamba ngeenyawo lento uzakude uyeke isikolo”.

Ithe yakubona le ntombazana ukuba ayizukuncedala yathabatha isigqibo sokuba ishiye phantsi esikolweni. Oyintloko kwi-Khula Community Development Project uPetros Majola uthe abazokuyiyeka ilale uboya le nyewe, bazakusebenza ngamandla bezama ukuqinisekisa ukuba ichotshelwa ngobunono ide iyokufika esiphelelweni.

Amalinge wokunxibelelana nesikolo awe phantsi.

Mzukisi Mangwane

06 Tshazimpuzi 2024