Ezinye iindaba

BABHUBHA ABANTWANA BEBHUBELA UNOBENANI

GQEBERHA- Ngamadyongwana amabini waseGqeberha kwindawo yaseSt Albans, uKyle Alberts(30) kunye noAaron Alberts(19). Lamadyongwana abone intengiso kumakhasi wezonxibelelwano, le ntengiso ibimayelana neseti kaMabonakude(Television Set).

Baye balukuhleka abafana yilentengiso, emveni koko bayilandelela. Badibene nenyoka iphunga umhluzi, bathathelwe Inqwelo-mafutha ebebehamba ngayo, iimfono-mfono zabo 

zasesinqeni, imali emveni koko badutyulwa babulawa.

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa kwiphondo leMpuma iKoloneli uPriscilla Naidu, “Abafana abazalwa kunye, bathe ngokubona lentengiso bazidina ngokuya kwindlu ekwisitalato saseCeru kwindawo yaseNU 5 eMotherwell, kulondlu bafike baxelelwa ukuba akukho ntengiso injalo”.

Kuthe kusenjalo bematshekile ngumothuko kwavela abantu ababini, khange babuze nto bavele baligqakrazisa izulu lezandla kwesisibini emveni koko bazithaphulela kwimali yabo kunye neemfono-mfono zabo. Ngokwengxelo kaNaidu, “ibhaki yamaxhoba iye yafunyanwa kude kufuphi nendawo yexhwayelo”.

“Icandelo lophando lolwaphulo-mthetho eGqeberha lizakuliphanda elityala”, utshilo uPriscilla Naidu.

Amapolisa ayacela abantu bavundle nangakumbi kwiintengiso ezirhuqisa umrhaji kumakhasi wezonxibelelwano.

Umntu makaqale azenzele uphando oluphangaleleyo ngentengiso ayibonayo phambi kokuba azibandakanye nayo.

UMkokomishinala weCandelo lesithili uMajor General Vuyisile Ncata, ucebise uluntu ukuba luhambele kude nentsimi engaqhelekanga, ngamanye amazwi sukuya kwindawo oyaziyo ukuba iyathanda ukubaneziganeko zolwaphulo-mthetho.

Abakwantsasana bacela kuye nabani na ongancedisa ekubanjweni kwezizigebenga atsalele umnxeba kwinombolo yomcuphi uKapteni Monde Sithole kulenombolo; 082 457 2812 kungenjalo atsalele umnxeba kwinombolo yamapolisa engahlawulelwayo; 08600 10111.

Mzukisi Mangwane

07 Tshazimpunzi 2024

ReplyForwardAdd reaction