Iindaba

AKANGONJWA KANJE YINDODA YAKHE

MQANDULI- Iyaphela intokazi kaNdzule kummandla waseMqanduli, iingxelo zidiza ukuba le ntokazi ingojelwa oogqirha nezicaka ngumntu eyimbiza ngokuba yindoda yakhe.

Namhlanje ukhale esimantshiyane uSihle Ndzule ongusisi kaEzile Ndzule ngexesha encokola nentatheli yelijelo lephepha-ndaba i-Eastern Cape Daily News.

Uyibalise yabuhlungu eyokunkulwa kukasisi wakhe yindoda ethi iyamthanda, “Indenza umsindo lento, kuba kudala isenzeka qha ebendifihlela umntwana kamama”,utshilo uSihle Ndzule.

UEzile Ndzule(24) yinzalelwane yaseMqanduli eLower Ngqwara, ungumfundi kwisikolo samabanga aphezulu i-Sakumphumelela SSS eQonce.

NgoLwesihlanu umhla we-05 kuTshazimpuzi 2024, ebusuku kwilali yaseNgqwara, uLelomso Gqosha(40) onkaba yakhe iseUpper Ngqwarha eMqanduli, ubezipholele nesimadzadza sakhe ebhedini begibiselana nge’Popcorns’ kumnandi kuyilonto.

Idyongwana le yakwaGqosha iye yatsha ngumchamo yaphuma iyobetha amanzi ngasebuhlanti, ithe xa ibuya yafika uphariza wayo evathe obemfene. UEzile usebenzise elothuba kanye wathatha imfono-mfono kangqangqa wakhe, uye wayiphengulula wabhaqa nto apho kwimfono-mfono kadululu, iye yamkhuba kakhulu yashiyeka ilihlwili intliziyo.Ithe yakungamphathi kakuhle lento, waqumba, wayeka nezo ‘popcorns’ na kakade, entshingi-ntshingi apha ebusweni.

Ubuyile ulinkqiza(Lelomso) kaEzile kodwa waqaphela ukuba umntu wakhe uqumbule. Uye wazama ukuqonda ukuba konakele phi, intombi ayiphozisanga-maseko yambonisa lento ingayithandiyo kwimfono-mfono leyo.Kuthe kanti izithezele olunenkuma intombi, ayingonjwanga kanje, uLelomso uyibethe wayishiya ibhonti-bhonti umzimba wonke intombi yakhe.

Elijelo liye lazama ukuqonda ukuba kutheni engavuli ityala, uphendule wathi, “Ndiyoyika ukumvulela ityala kuba xa enobanjwa ukuphuma kwakhe uzakundibulala, kudala endigrogrisa ngokundibulala”, Ezile.

Abazali beligqiyizana bathe, asilibali sicinga ukuba umntwana wethu usesikolweni, kanti lonke elo xesha uziminca ngendoda kwalapha eNgqwara”.Sizamile ukuva icala likaLelomso Gqosha, uye waphendula esithi akamazi kwalomntu.

Mzukisi Mangwane

08 Tshazimpuzi 2024