Iindaba

ATSHE ANGQONGQA AMADODA AMAHLANU

NGQUSHWA- Namhlanje umhla wesibhozo kwinyanga kaTshazimpuzi 2024, amapolisa weli loMzantsi Afrika kwiphondo leMpuma Koloni adize ukuba amadoda amahlanu(5) atshe angqongqa kwaye akukho nendlela yokuwafanisa.

Lamadoda abhaqwe engasemva kwibhaki encinci yakwaCorsa apha kwiphondo leMpuma Koloni.

Osisithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe, “Amadoda amahlanu(5) afunyenwe ngasemva kwibhaki encinci yakwaCorsa ngoMgqibelo malunga nomkhono(20:45)emaxesheni kwindlela uR365 kude kufuphi naseNgqushwa”.

Bekungekho kwamntu ngaphambili kulebhaki, umlilo lowo ubulephuza amadangatye kwibhaki uye wacinywa yinqwelo yezicima-mlilo.Kusungulwe uphando-nzulu(Inquest) ukuze kujongwe esona sizekabani esingunobangela wokubhubha kwalamadoda.

“Okwangoku awukaziwa unobangela wesisiganeko,” utshilo uNaidu.

Uqhube wathi, “Abakwantsasana bayacela, bayadomboza beleleza kuye nabani na onomntu olahlekileyo eMonti okanye eNgqushwa atsalele umnxeba kumcuphi ojongene nelityala, uWarrant Officer Zintle Mathafeni ku-071-475-1718, ukuze kwenziwe ulibo-fuzo(DNA)”.

Mzukisi Mangwane

08 Tshazimpuzi 2024