UGQEJWE EBUNZI WALAHLWA EMLANJENI
MTHATHA- Namhlanje umhla wesibhozo kwinyanga kaTshazimpuzi 2024, kufunyenwe umzimba webhinqa unamanxeba wokubethwa ebunzi.
Lo mzimba ubhaqwe undiza phezu kwamanzi kumlambokazi waseMthatha, ezantsi kwentolongo yaseWellington kwidolophu yaseMthatha.
Ngokwengxelo yomhlali ozibonele ngamehlo nongafunanga kudizwa ngegama, “Lo mzimba ubulahlwe kwindawo yokulahla inkunkuma yaseMthatha Works”.
Kucelwa nabani olahlekelwe ngumntu olibhinqa obenxibe umntla wejini(Jean) omnyama, u”Tight” omnyama, aleqe kwa ‘Forensic Pathology’ kwidolophu yaseMthatha ngenjongo zokufanisa.
Mzukisi Mangwane
08 Tshazimpuzi 2024