Ezasekuhlaleni

BADIKWE YEYOKOSA ABAHLALI BASE-XHORHA

XHORHA- Badele ingqele eqhaqhazelisa amazinyo abahlali beelali ezahlukeneyo eXhorha.

Ababahlali badikwe zizithembiso ezingafezekiswayo, bathi yiminyaka becela ukwakhelwa indlela ngurhulumente wephondo leMpuma Koloni.

Ngabahlali bakwaWadi-15 ekuquka kubo abahlali abaphuma kwilali yaseNgqakayi, Sholora, Sarhili naseNjuqwana.

Namhlanje zonke izikolo eziphantsi kwezilali zikhankanywe ngasentla, kuye kwanyanzeleka zivalwe ukuze kujongwane noluqhankqalazo oluqale ngalentseni yayizolo umhla wethoba kuTshazimpuzi 2024.

OnguCeba wakwaWadi-15 uSiyabulela Mdabuka uye wasithumela kuMasipala wasekuhlaleni i-Mbhashe, xa besizama ukuqonda ngalengxuba-kaxaka.

Silijelo leendaba zeEastern Cape Daily News siyenzile imigudu, iinzame, amalinge namatile-tile wokunxibelelana noMasipala waseMbhase kodwa yonke lo nquleqhu iwe phantsi.

Abahlali bakhala ngendlela ebisenziwa ukusuka eGqubuzeni ukuya eBhakaleni besithi kwenziwe uphela sonwabe, kungenjalo bekugqithiswa nje usana kunina.

Ngokwesigaba sokuqala(Phase1) solwakhiwo lwendlela, izicwangciso zazisithi kuzakwenziwa umgama ongange 20km, kodwa kuyekwe esithubeni xa kanye kushiyeke u2.8km ukuba igqitywe. 

Emveni koko baye bacela abahlali uMasipala abenzele indlela eya eNgqakayi ngasevenkileni, kodwa nalapho kwenziwe uphela sonwabe. Abahlali bathi baye baxelelwa ukuba igqityiwe kwaye imali eshiyekileyo izakugcinwa engxoweni.

Uluntu lwezingingqi sikhankanyiweyo zange lutyhafe, lwazidina ngokuleqa kundlunkulu eBisho, nalapho baye bathenjiswa ukuba bazakuyenzelwa indlela.

Bafunge bamunc’ iintupha besithi kuzokwaziwana, zizakulima ziy’ etyeni de zifezekiswe izithembiso zabo.

Mzukisi Mangwane

10 Tshazimpuzi 2024

ReplyForwardAdd reaction
ReplyForwardAdd reaction