Ulwaphulo-mthetho

IPHANTSE YAPHULUKANA NOBOMI IMVUMI

MQANDULI- Imvumi yomculo wokholo kweliphondo leMpuma Koloni phantsi kwedolophu yaseMqanduli kwilali yaseManyosini isinde ngezikasibi ngexesha iqweqwediswa yimiguvela engenalusini.

UThembalethu Mack ubezihambela kwizitalato zentshona yePitoli wagagana noonqalintloko abane(4), bonke abanqalintloko bebexhobe befe amacala ngeemela nemipu.

Lemigqutsubana yodzokhwe, amabhengethe wasePitoli iye yathathela lo kaMack imali, imfono-mfono yakhe yasesinqeni emveni koko bamhlaba, bekwambetha nangemipu leyo bebeyiphethe.

Baye bamshiya ethe tywa! Kulo ndawo becinga ukuba bambulele. “Ndincedwe ngumntu obezihambela ngokuthi atsalele umnxeba abakwantsasana ukuze ndiphuthunyiswe èsibhedlele”, utshilo.

Xa ebencokola nentatheli yeEastern Cape Post uthe, “Ndichacha-kuhle, kwaye ndizakubuyela eqongeni kungentsuku zatywala”.

Abaninzi bayakumkhumbula uMack ngengoma yakhe ethi; Ndikhokele Bawo, kunye nenye ingomba ayikhuphe ngo-2020 ethi; Ulithemba lethu.

Amaxesha amaninzi ubuyakumbona kwirenki yaseGolden Egg eMthatha Plaza ezama ukuthengisa umculo wakhe.

Mpilo-ntle ndoda.

Mzukisi Mangwane

10 Tshazimpuzi 2024