Ezasekuhlaleni

IMIBUTHO ITHIWE JIZE NGEZAKHONO EZINGUNDOQO

EMONTI- Ukunqongophala kwezakhono zengqesho kwimibutho yasekuhlaleni(Civil Society Organisations) kukhokhele ukuba umbutho iBeyond Zero ungenelele apho ebesingathe uqeqesho oluntsuku-ntathu kufundiswa ngezakhono zengqesho. Oluqeqesho lezegqesho liqale ngomhla wesibhozo ukuya kumhla weshumi kuTshazimpuzi apho bekuchongwe imibutho yasekuhlaleni enelungelo lokungenela oluqeqesho.

Ngabagqatswa abangama 126 bebonke abaphuma kulemibutho kwiphondo jikelele, kuqeqesho ebelusingathelwe eMonti ibingabagqatswa abangama 64 ukanti eMthatha bebengama 62, lemibutho ixhamle isibonelelo esisuka kwaBeyond Zero senkxaso-mali ephuma kwaGlobal Fund.

Uhlalutyo leSWOT beludakanciwe koluqeqesho ukanti bekufundiswa nango phicotho-zincwadi kulemibutho, uManejala weCapacity Building kwaBeyond Zero uPrincess Pakkies ungqinile ukuba kuphando lwabo bafumanise ukuba imibutho emincinci isasilela kwizakhono zengqesho.

“Yiyo lonto siqonde ukuba masikhe sisingathe uqeqesho lezengqesho kuba imibutho esakhasayo isilela kakhulu, ngoluqeqesho siyathemba ukuba utshintsho lunga khona,” Pakkies.

Ukongeza enye into ekhokhela oluqeqesho kukuphucula umthamo kulawulo lwezengqesho, ukuze lemibutho ikwazi ukuhambisa kunye nokulondoloza iinkonzo zonyango ezingundoqo besebenzisa amaqhinga abawafumene kwaBeyond Zero.

Ophuma kumbutho iLihlumelo Multi-Purpose Centre kuMasipala ombaxa waseBuffalo City uPeter Philisele ungqinile ukuba oluqeqesho bebeludinga, “Ndifunxe ulwazi olunintsi koluqeqesho kwaye ndizakuqinisekisa ukuba siyalulandela embuthweni kwaye sizokugxila kwimiqathango engundoqo,” utshilo.

Umsunguli kunye nomlawuli wombutho iWonder for Woman ozinze eNqadu phantsi koMasipala waseMbhashe, ojongene nabo baphila nesifo sentsholongwane kaGawulayo uTricia Jean Tinzi uphefumle,”Andifuni nokuxoka ukusukela kulonyaka uphelileyo oko uBeyond Zero esisingathile singulombutho ukanti namhlanje ndifunde gqitha, sizokutsho sikwazi nokubhala imigaqo-nkqubo yombutho ngoku. Sisebenzisa ulwazi esilifunxe koluqeqesho,” uthethe watsho okaTinzi.

Oka Pakkies ungqinile ukuba bayiqwalasele nemibutho esezilalini, uManejala uyiqhwabele izandla yonke imibutho exhamlileyo. “Bonke abo bazidinileyo bathatha inkxaxheba koluqeqesho abaphulukanga nanto kwaye ndiyakuthembisa ukuba bazokuqiniseka ukuba basebenza nzima nanjengoko bebesenza njalo ndiyavuyisana nabo. “

Umbutho iBeyond Zero uqwalile ukuba ayisosiphelo esi bazokuqinisekisa ukuba bemane beyindwendwela lemibutho beyijonga ukuba isaqhuba kakuhle na.

11 Tshazimpuzi 2024