Ezinye iindaba

UMZANTSI AFRIKA ANGAJAMELANA NESIGABA 16 SOKUQHAWULWA KOMBANE

ESKOM- I-arhente elawula umbane eMzantsi Afrika(NERSA) izivumile izikhokhelo zocimi-cimi wombane wesigaba 16.

Uphengululo lokuqhawulwa kombane kude kufuke kwisigaba 16 belichotshelwe ziingcali zakwaEskom,iingcali zombane, iingcali zoomasipala abambaxa kunye neengcali eziphuma kwi arhente elawula umbane zakwaNERSA.

Oluphengululo lutyekeza izigaba zocimi-cimi wombane ukusukela kwisigaba 1- 16.

Icwadi yomthetho yocimi-cimi wombane yesithathu ityekeziwe. Lencwadi yomthetho izokunceda inkampani enkinkisha umbane uEskom kunye nomasipala bakwazi ukunciphisa umthamo wombane osetyenziswayo kwaye izokukhusela nezitishi zikaEskom ekuwohlokeni.

Inkqubo yokunxibelelanisa yakwaEskom izokuqinisekisa ukuba umbane waseMzantsi Afrika jikelel akagunqi.

NAZI IZIGABA ZE’LOADSHEDDING’ NGOKWAHLUKANA KWAZO:

Stage 1 – umbane uzokumaka iiyure 2

Stage 2 – umbane uzokumka iiyure 4

Stage 3 – umbane uzokumka iiyure 6

Stage 4 – umbane uzokumka iiyure 8

Stage 5 – umbane uzokumka iiyure 10

Stage 6 – umbane uzokumka iiyure 12

Stage 7 – umbane uzokumka iiyure 14

Stage 8 – umbane uzokumka iiyure 16

Stage 9 – umbane uzokumka iiyure 18

Stage 10 – umbane uzokumka iiyure 20

Stage 11 – umbane uzokumka iiyure 22

Stage 12 – umbane uzokumka iiyure 24

Stage 13 – umbane uzokumka iiyure 26

Stage 14 – umbane uzokumka iiyure 28

Stage 15 – umbane uzokumka iiyure 30

Stage 16 – umbane uzokumka iiyure 32

Iingxelo zidiza ukuba iingcali zicithe iinyanga ezintlanu(5) eMzantsi Afrika zindwendwela izitishi eziphehla umbane, ukuze zithi thaca lengxelo.

Ezingcali zilumkise ngokuthi ukuba kuye kwasilela lmjikelezo(cycle) lonto ingenza izitishi eziphehla umbane ziphulukane nomthamo wombane.

11 Tshazimpuzi 2024