Ezemfundo

UNGAPHANGELA XA UNEBANGA LESIXHENXE(GRADE 9)

EZEMFUNDO- Kuzokukhutshwa izatifikethi zebanga lesixhenxe(Grade 9) kwizikolo eziliwaka kodwa lonto ayithethi ukuba abafundi bababone umnyango wokuphuma esikolweni.

Isebe lezemfundo esisiseko liqweba iqhinga lokukhupha isatifikethi se’General Education and Training Certificate(GETC) ukuqala ngonyaka ka2025, siphehlelwe ngokusemthethweni.

Esisatifikethi sizokuchaza ukuba umntana noko usiphumelele isigaba esinyanzelekileyo sexesha lakhe esesikolweni xa efika kwibanga lesixhenxe, umntana uzokufumana isiqinisekiso(Qualification) sokuqala(Level 1) phantsi kwe’National Qualifications Framework(NQF)’.

“Ngumyinge wabafundi abaku40% abaphuma esikolweni bengenaziqinisekiso, ngoku xabefike kwibanga lesixhenxe noko bazokubanaso isatifikethi seGETC lonto izokwenza ukuba babekuluhlu lolutsha olukulungeleyo ukungena empangelweni,” isebe lityekeze latsho.

Ukugxininisa isebe liyibethelele into yokuba ayisiyiyo indlela yokuphuma uphele esikolweni xa ufumene esi satifikethi, oko akuthethi ukuba inkqubo yokufunda iphelile.

“Xasele sisiphehlelele esisatifikethi ngonyaka ka2025 sizokuqinisekisa ukuba wonke umntu omtsha uphuma esikolweni enesatifikethi esigunyazisiweyo(National Certificate),” iSebe lezemfundo esisiseko.

Iingxelo zidiza ukuba ngamakhulu-khulu wabafundi abasincamayo isikolo, lonto yenza ukuba inkqubo yezemfundo ibakhabele ngaphandle kwinkqubo yezemfundo baphume bengenaziqinisekiso, lonto yenze ukuba kubenzima ukuba mabaqashwe.

Eliqhinga lale projekthi belikhe lazanywa kwizikolo ezimbalwa ngoyaka ka2022 lazelaphehlelelwa ngonyaka ka2023.

“Ndingagqina ukuba ngoku sikhabela ezipalini kwaye silisebe sikulungele ukuwacofa onke amaqhosha sizingomba isifumba ngoku sizakuqhubeka ngendlela ebesicwangcise ngayo izinto,” utshilo othethela isebe lezemfundo esisiseko uElijah Mhlanga.

Esisatifikethi sizokuvala isikhewu kwi projekthi eyenziwa lisebe ebizwa ngokuba yi’three-stream model’ leprojekthi iqweba ukubeka abafundi kwizigaba ezintathu ezahlukeneyo- kwezemfundo, ukufundisa abafundi umsebenzi wezandla kunye nokuqaphela ukuba umfundi uzimisele njani esikolweni(kuqatshelwa ukuba angalungela omphi umsebenzi).

“Sifikelele ukuba sizise ngaphambili leGETC, siyise nakwizikolo zezakhono ngo2024/25,” litshilo isebe.

Ngokutsho kukaMhlanga, isebe liyabalungiselela abafundi abafuna esisatifikethi kwi kharityhulam.

Ukongeza esisigqibo sesebe lezemfundo ukukhupha esisatifikethi sigxekiwe ngabanye abafundi.

UNjingalwazi Jonathan Jansen kwicandelo lezemfundo kwiDyunivesithi yaseStellenboch uthe, “Ingxoxo-mpikiswano yilena ukuba abafundi abanesi satifikethi sebanga lesixhenxe abangakwazi ukufumana umsebenzi ingangabo kudala bexhentsa kule klasi ndawoninye”.

Amanani adiza ukuba ngumyinge ka40% wabafundi abangafikanga kwibanga leshumi eMzantsi Afrika, ibanga leshumi libanga lokugqibela lasesikolweni.

Ukanti abafundi bohluleka kakhulu phakathi kwebanga lesixhenxe ukuya kwibanga leshumi.

Ukusukela ngonyaka ka2019 – 2021 ngumyinge ka30% wabafundi abasiyekileyo isikolo, basiyeke besenza amabanga phakathi kwebanga lesixhenxe nelethoba. Ngumyinge ka57.9% kuphela ofikileyo kwibanga leshumi bafumana isatifikethi ‘National Senior Certificate(NSC).

Isebe lezemfundo esisiseko lizingomba isifumba lithi likulungele ukukhupha esisiqinisekiso seGETC, ukanti isebe ligxininisile ukuba ukukhupha esisatifikethi kuzokugxotha ikati eziko nanjengoko abafundi bezakuqashwa xabefaka izicelo zomsebenzi.

“Lenkqubo izokuchaphazela ngamandla abantwana abazimpula zikalujacu kuxhomekeke nakwibala lomntu,” utshilo okaJansen.

11 Tshazimpuzi 2024