Ezasekuhlaleni

YIMIGQUTSUBA NEMIGQUTSUBANA, AMAQAQASHOLO NAMAQAQASHOLWANA

BIZANA- Kuqengqeleka iintsuku uluntu luxhentsa kwindlela uR394 odibanisa uhola wendlela uN2 xa usuka ePhakade kunye nakuR61 oseMagusheni, eBizana.

Nangona singekaqiniseki ngeyona nto ikhalazelwa luluntu kodwa indlela ivalekile kwaye kukho inkenkewula yomngxuma owenza ukuba kungahambeki kulammandla.

Yingqokelela, inginginya negquba lamaqhotha-qikili abonwa nguMphathiswa weSebe lezoThutho uXolile Nqatha njengemigqutsuba nemigqutsubana nje edunga-dunga intsebenzo esele yenziwe ngurhulumente.

Namhlanje bantumeke umlilo kwiLori, bagcwalisa indlela ngamatye, emveni koko bavula umngxuma omkhulu phakathi endleleni ukuze inqwelo-mafutha yezicima-mlilo ingakwazi ukuyofikelela kwiLori leyo ibisitsha.

Abaqhubi bayacelwa bakhangele ndlela-zimbi ukuze bangazibhaqi bentyumpa-ntyumpeka ezingxakini ngenxa yaloqulukubhode obangelwa yingqumbo yababahlali.

Amagosa wezendlela, abezokhuseleko lokuqala bathe bhazalala kula ndawo belindele unongekehli kwaye bezama nokubonisa abaqhumbi ezinye iindlela abanokuzisebenzisa.

Othethela iSebe lezoThutho ezindleleni u-Unathi Binqose uthe, “UMphathiswa wezoThutho kwiphondo leMpuma uXolile Nqatha uzinyhashe kalukhuni ezizenzo, watsho esithi akhange ziqalise ukubazizenzo zoqhankqalazo, koko ngabaphuli-mthetho abanze lento, abanjongo ikukutshabalalisa oko kuncinci iphondo elinako, ukuduba-duba iimpilo zabantu, nokuphazamisa ulawulo kweliphondo”.

Utsho ehlaba ikhwelo kubahlali ukuba bancedisane norhulumente kubanjwe ezinkunyevu zenze obububi.

Mzukisi Mangwane

12 Tshazimpuzi 2024