Ulwaphulo-mthetho

INKQENKQEZA PHAMBILI IGQEBERHA KWIZINGA LOBUGEBENGU

GQEBERHA- Idolophu ephantsi koMasipala ombaxa waseNelson Mandela ngoku ikuluhlu lweedolophu ezitshotsh ‘entla ngobungozi eMzantsi Afrika.

Iidolophu ezine zikuluhlu lweedolophu ezingamashumi amahlanu ezinobungozi kwilizwe jikelele kuquka neGqeberha.

IKapa kunye neThekwini zitshotsh’ entla eMzantsi Afrika.

Iingxelo zidiza ukuba iKapa ibikuluhlu leshumi(10) kodwa ngoku yehlile ikuluhlu leshumi elinesixhenxe(17).

Ukuzokuthi ga ngoku ngokwengxelo kaBusiness Tech, iGqeberha ikuluhlu leshumi.

Ukubulala eGqeberha konyuke ngezinga elimangalisayo phakathi konyaka-2022/23 kunye nonyaka-2023/24.

Izinga lokubulala eGqeberha xakuthelekiswa nezinye iidolophu eMzantsi:

Idolophu iGqeberha kunye neThekwini ziqalele kancinci-kancinci zaye zisonyukela, ngoku zitshotsh’ entla, abantu babulawa okweembovane.

Gqeberha21.3%

Rhawutini8.1%

Thekwini5.6%

Kapa 0.9%

15 Tshazimpuzi 2024

ReplyForwardAdd reaction