Iindaba

I-ARHENTE YENGXOWA-MALI YENGOZI IBONGOZA ABO BABEFAKE AMABANGO BAFAKE AMAXWEBHU ABALASELEYO

RAF- Iarhente yengxowa-mali yezengozi(Road Accident Fund) ibongoza bonke abo babefake amabango ngaphambi kwenyanga kaTshazimpuzi 2022, bafake amaxwebhu abalaseleyo. Le arhente ibongoza bonke abo babefeka lamabango bagqithise lamaxwebhu ukuze kugqitywe ngamabango wabo.

Abo banamalungelo wokufaka lamabango bangacela ingcangciso kumagqwetha wabo, babuze kwii-ofisi zale arhente okanye bathumele i-emeyili ukuze bacacelwe ukuba ngawaphi lamaxwebhu kuthethwa ngawo.

Ukuzokuthi ga ngoku le arhente inomsebenzi wamabango osemva ongange 321 000, njengesivumelwano sale arhente ukuze kuqhutywe nokusebenza kuthatha ixesha elingange ntsuku ezingama 120. Kodwa lonto ayenzeki nanjengoko imiceli-mngeni iminintsi kuquka nokuba le arhente inomsebenzi ungasemva.

Ngokwengxelo edizwe yile arhente iyangqina ukuba amaxwebhu adlala eyona ndimi inkulu, ukanti ekwancedisa nasekuphandeni ukuba lowo ubangayo ingaba uselungelweni na lokubanga kwaye incedise nasekuphandeni ukuba lowo ingaba ugaxeleke njani kwingozi.

Usomaqhuzu wale arhente uCollins Letsoalo uthe, “ngenyanga yeKhala 2021 sayesaveza iqhinga lokwenza iform emayigcwaliswe kuba sasingafuni inkqubo yethu ihambe ngenyawo lonwabu, leform incedisa kakhulu ukuba amabango akhawuleze,” utshilo.

Abo banamabango wamaxwebhu abaseleyo bangawathumela nge imeyile ku:contactcentre@raf.co.za, bawase kwii ofisi zale arhente eMonti, bangatsalela umnxeba ku: 087 820 1 111 okanye bathumele umyalezo ku: 44930.

Ukongeza abo bathe bagaxaleka kwingozi yemoto bangatsalela umnxeba le arhente ku; 087 820 1 111 okanye bacwetheze ku: www.raf.co.za

16 Tshazimpuzi 2024