KUZAKUCHITHWA IIBHILIYONI EZINE KUSAKHIWA UMGRUGRA WEQEGU ELITSHA
TINARHA- Inkampani eyenza izithuthi zendlela iVolkswagen Group Africa(VWA) ityale isixa-mali esingangee bhiliyoni ezine(R4 Billion) ephondweni ngoLwesibini, umhla we-15 kuTshazimpuzi 2024. Esisixa-mali sityalwe kumzi wakwa-VWA eTinarha.
Umlawuli walomzi-mveliso eTinarha uMartin Biene, ungqinile ukuba ngenene lomnyobo wesisithuthi ukuba uzokwakhiwa eGqeberha, oku kuza emveni kokuba izithuthi eziluhlobo lwePolo izakubazizo ezitshotsh’ entla kwihlabathi jikelele ngonyaka ka2027.
OkaBiene wongeze wathi,”UMzantsi Afrika likhaya lethu, uVW sisihlobo sezinyo sabemi boMzantsi Afrika”.
USodolophu woMasipala ombaxa waseNeslson Mandela uGary Van Niekerk uluqhwabele izandla olutyalo-mali lutyalwe kwisixeko.
INkulu baphathiswa yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ngexesha ekulomzi-mveliso ebevuza izinkcwe lolutyalo-mali lungaka kwaVWA, okaMabuyane uphawule ukuba olutyalo-mali longezelela kwisixa semali esingange R171 yeBhiliyoni etyalwe ngamanye amashishini ephondweni ixesha elingaka ngeminyaka emine.
“Lento yenziwa nguVWA ibonisa ubunkokheli kwaye igaleleke kanye ngexesha esilidinga ngalo olutyalo-mali,” utshilo okaMabuyane.
16 Tshazimpuzi 2024