Ulwaphulo-mthetho

“BANDIPHEKA BENDOPHULA”

MTHATHA- “Bandipheka bendophula ngemibuzo, noko inkundla mayindinqadele kwanele ngoku”, uvakale esitsho ngelizwi losizi uMajor Mfesane Bhekizulu ongumrhanelwa notyholwa ngokupheka iyelenqe lokubulawa kwesinqanda-mathe sakhe.

Latshona emini ilanga kusapho lakwaMtwa emveni kokubulawa kukaNamhla Mtwa(35) ngomhla wama-21 kwekaTshazimpuzi ngonyaka ka2022.

UNamhla Mtwa(35) wadutyulwa izihlandlo ezilithoba(9) lahlanza iselwa, edutyulwa sisijem-jem sesibhovu-bhovu esingaziwayo ngexesha engena kwikhaya lakhe elise’Sdwadwa eMthatha.

Ngexesha leshwangusha uNamhla Mtwa wayengumsebenzi ephangelela uMasipala waseO R Tambo kwidolophu yaseMthatha kweliphondo leMpuma Koloni. Ukubhubha kwakhe ngalandlela kwadala isankxwe kuMzantsi Afrika uphela.

Ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga kaTshazimpuzi 2024, umrhanelwa otyholwa ngokubhubha kwalentyantyambo uMajor Mfesane Bhekizulu ongusomashishini ophum’ izandla kummandla waseMthatha ubebila esoma ngexesha exhentsiswa ngemibuzo kwinkundla kaMantyi eMthatha.

Uthe akuva ukuba ziyaduma, wadomboza ememelela itarhu kulenkundla ukuba iyeke ukuya ngamandla xa ifaka imibuzo kuye. Kuye kwanyanzeleka inkundla inqumame kancinci ngelinika ithuba umrhanelwa lo ukuba abhale i-Afidavithi abhentsise yonke into anqwenela ukuba yenzeke ngexesha lemibuzo.

Uzakubuyela enkundleni umrhanelwa ngomhla wama-21 kwekaCanzibe kwakulo umiyo.

Phindile Mabongo

18 Tshazimpuzi 2024