Ezempilo

DIBANA NESITHALANDWE ESISAZE NGOBUSO SAKWA NOKHOLEJI

GCUWA- Oneminyaka elishumi elinesithoba(19) uOwami Ngqono ngoyena omcinci ekulindeleke ukuba athwese isidanga kwiDyunivesithi yaseFort Hare kwisizini yoKwindla 2024. UOwami uzokuthwesa isidanga kwezolimo kuqoqosho kuleveki izayo.

Lentwazana yaseGcuwa yangena emasangweni akwaNokholeji ineminyaka elishumi elinesithandathu(16) igushe ii’distictions’ ezintathu zematriki; kwezolimo, iMathLit kunye ne’distiction’ yolwimi lesiXhosa, uOwami wayehlohlwa kwisikolo samabanga aphakamileyo iLamplough eGcuwa.

Lentwazana iqale amabanga wayo aphantsi ineminyaka emihlanu. UOwami ungqinile ukuba oko wayekhahlelwa njengoyena umncinci kwaye nokrelekrele ngexesha lakhe lokufunda, ebenconywa ngabafundisi-ntsapho kwakunye nango-gxa bakhe. Ngenyanga yeSilimela kulo umiyo lentwazana kukhona izokufinca iminyaka engamashumi amabini(20).

UOwami uphefumle, “Ndikhulele kwikhaya elifudumele kakhulu ndikhuliswa ngumakhulu kunye notatomkhulu wam, bandifundise ukuba ndingaze ndikhe phantsi isitya sigcwele kwaye ndilandela nqo kwimfundiso zabo. Ngoku ndizokuqhubekeka ndifunda ndizokufundela i’masters’ ngoku ukanti ndiqwenela nokufikelela kwisidanga sobugqirha,” utyekeze watsho.

“Ndizithanda kakhulu ezolimo kunye nezobunzululwazi kwaye umntu owenza ukuba ndizithande kakhulu ezizifundo ngumfundisi-ntsapho wam owayendifundisa eLamplough,” Owami.

Ukongeza uOwami ungqinile ukuba umama wakhe ngomnye wabaxhasi bakhe omxhasa kakhulu, ukanti unina wakhe naye uzokuthwasa isidanga somgcini zincwadi-zemali.

17 Tshaimpuzi 2024