Ezolonwabo

IQELA LOMCULO I-THE SOIL LIZA NOKRACAZA WE ALBUM EGQEBERHA

GQEBERHA- Iqela lezomculo iThe Soil emveni kweminyaka esixhenxe nalapho belikhe laduka libuya ne album eliqondayo ukuba ingavuzisa izinkcwe kwabo bangabalandeli beliqela lomculo. Eliqela lizingomba isifuba ngokubuya ngamandla libuya kwangeyona ndlela ingummangaliso.

Eliqela ngokuzingca nanjengoko libuyela kubalandeli kwakhona lizokubanokhenketho, likwalungiselela nokukhupha ialbum. Ngokusebenzisana nehotele kunye necasino iBoardwalk i-The Soil ngomhla we31 kuCanzibe lizokube likhenkethela eGqeberha lidanisa eBoardwalk, iingcango zizokuvulwa ngentsimbi yesithandathu ngorhatya lwemivundla ukanti umsitho uzokuqala ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.

Ungaphoswa i-The Soil izakube iseBoardwak eGqeberha ngomhla we 31 May 2024, fumana amatikiti ngokuchwetheza kule link: https://www.webtickets.co.za/v2/event.aspx?itemid=1542338372

18 Tshazimpuzi 2024