Ezemfundo

KUVULWE ISIKOLO SEZIGIDI ZEERANDI NGOKUSESIKWENI

CENTANE- Isikolo samabanga aphakamileyo iTyali nesikuCentane siginya abafundi abangapha kwewaka.

INkulu Baphathiswa yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ephelekwe ngumphathiswa wesebe lezemfundo ephondweni uFundile Gade ngomhla we18 kule imiyo badlulise ngesisikolo esixabisa izigidi-zeerandi(R106 million).

UMabuyane usizobe esisikolo njengophuhliso ekuhlaleni, “Ulwakhiwo lesisikolo ibilukhuphiswano kwabakhi beveza izakhono zabo, esisikolo singumzekelo sokuba imfundo ibalulekile kwaye abantu abafundileyo banekamva eliqaqambileyo kwaye abo bafundileyo bayifumana lula imisebenzi,” utshilo.

Iziko elijongene namashishini asaphuhlayo iCOEGA, lingqinile ukuba lifake ezona ziseko zikumgangatho ophezulu kwesisikolo njenge nxalenye yokusebenzisana norhulumente wephondo.

UMphathiswa wesebe lezemfundo ephondweni uFundile Gade uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwa leliziko iCOEGA, “eliziko aliqali ukusebenza kwesisikolo iziseko zethu ezikolweni zijongwe yile arhente nanjengoko iyiyo enamaqhinga eziseko ezikumgangatho ophezulu,” utshilo okaGade.

“Ndizakuqinisekisa ukuba ndizisa imfundo esisiseko ephucukileyo apha eTyali,” iphefumle yatsho inqununu yesisikolo uPhakamile Sondawo egwanye iinyembezi zovuyo.

Iziko iCOEGA lizingomba isifuba ngomsebenzi okumgangatha ophezulu eliwenzileyo kwisikolo iTyali. Esisikolo sinelebhu yezobunzululwazi, ilebhu yobuxhaka-xhaka balemihla, igumbi lokuphekela, indawo yokutyela kunye nebloko yokwamkela abafundi.Ulwakhiwo lesisikolo lugxothe ikati eziko kumashishini asakhasayo nanjengoko kudaleke amathuba engqesho angama84.

UManejala kwiziseko zophuhliso eCOEGA uGqirha Mpumi Mabula uthe, “xasisebenza siyaqinisekisa ukuba sizityanda igila ukanti ukwakha amaziko okufunda ngumdlalo wethu lowo, leprojekthi iyasithethelela ukuba ukuphuhlisa iziseko zokufundela ngumtya nethunga kuthi”.

Ukuvulwa kwesisikolo kubonisa lubala ukuba intsebenziswano phakathi kwesebe lezemfundo ephondweni kunye neziko iCOEGA, iCOEGA izimisele ukwakha izikolo ezikumgangatho ophezulu. Eliziko lizama ngako konke okusemandleni ukwakha uMzantsi Afrika ongcono.

19 Tshazimpuzi 2024