Iindaba

U-SANRAL UZISA IIPROJEKTHI KUMASIPALA OMBAXA

QONCE- I-arhente ejamelene nezendlela eMzantsi Afrika(SANRAL) ibisingathe intlanganiso nalapho ibifikana umlomo namashishini onokhotraka abasakhasayo bomasipala ombaxa waseBuffalo City, ngonokhotraka abangama 160 abasebenza nebekhe basebenza kwiprojekthi zale arhente okusetyenzwa kuzo eQonce. Lentlanganiso ibisingathwe ngoLwesine umhla we18 kuTshazimpuzi eQonce.

Le arhente ingqinile ukuba ngoku iphondo leMpuma Koloni jikelele yindawo yokusebenza kwaye onokhontraka abasakhasayo bayaxhamla kwezi projekthi zale arhente. Le arhente idakance ukuba sele ichithe imali engange R2 billion konokhontraka abakhasayo bomasipala ombaxa waseBuffalo City.

UThandile Kwakhabe noligosa kwi ofisi yenguqu kwaSANRAL ephondweni ungqinile ukuba, isizathu sale ntlanganiso ibikukukhangela amaqhinga ukuba bangaqinisekisa njani ukuba banobudlelwano obumqilima nabanokhontraka basakhasayo.

Ibhodi ejamelene nokuphuhliswa kwamashishini onokhotraka abasakhasayo(Construction Industry Development Board) nayo ibimenyiwe kule ntlanganiso, “Siyile bhodi sizokutyikitya isivumelwano kunye nale arhente yakwaSANRAL apho sifuna ukuqinisekisa khona ukuba alikho ishishini elizokuxhamla isiniki-maxabiso kwaSANRAL lingena satifikethi esiphuma kule bhodi,” lityekeze latsho ilungu eliphuma kule bhodi.

Ukongeza lebhodi ithembise onokhokraka ukuba abo banesatifikethi esiphuma kule bhodi bazokuxhamla umsebenzi kwiiprojekthi zakwaSANRAL ixesha elingaka ngeminyaka emithathu ubuncinci.

Ukongeza elinye lelungu lonokhotraka baseQonce nebelizimase lentlanganiso ligxininisile ukuba bengonokhontraka abasakhasayo bakhe phantsi isitya sigcwele kwisixa seemali esingange R2 billion,”Ndiyavuma uSANRAL uchithe isixa semali esingange R2 billion kwiprojekthi ezilapha kumasipala ombaxa. Nanjengoko le arhente ichithe esisixa abona baxhamle kakhulu ngonokhontraka abamhlophe,” utshilo.

Ophuma kwi ofisi yezoqoqosho lasekuhlaleni kumasipala ombaxa waseBuffalo City uThandokazi Dese uwuqhwabele izindla umsebenzi owenziwa nguSANRAL wokuphawula amashishini asakhasayo kwiiprojekthi eziqhubayo kumasipala.

Le arhente ingqinile ukuba izokuqhubekeka ifakana imilomo kwaye ikwasebenzisana nabanokhontraka, kwaye uSANRAL uqwalile ukuba usezokuhlala kumasipala ombaxa nanjengoko zinintsi iiprojekthi ezizayo kulo masipala.

19 Tshazimpuzi 2024