Ulwaphulo-mthetho

UMQEQESHI UTYHOLWA NGOKUBULALA UMDLALI WEBHOLA YOMNYAZI EMONTI

EMONTI- UKhanyile Ntetho nobengumdlali webhola yomnyazi kutyholwa ngelithi udutyulwe wabulawa ngumqeqeshi wakhe emveni kokuba bebhiyozele impumelelo yeqela labo eMonti ngomhla we13 kule imiyo.

Kukholeleka ukuba uKhanyile akakhange afike ekhayeni lakhe, umxeba wakhe uvaliwe, kulapho ke usapho luye lwasexhaleni.

Usapho luka Khanyile luye ngosuku olulandela usuku lwezemidlalo luye lwangqala emzini womqeqeshi ukubuza ngemtombi yabo, kodwa khange bakwazi ukufumana umkhondo.

Ngomhla wama15 kuTshazimpuzi, olusapho lwaziswe ukuba uKhanyile kutyholwa ukuba udutyulwe ngumqeqeshi wakhe nabahlobo bakhe ababini emveni kokuba uKhanyile engavumanga kwizicelo zabo.

Umsolwa utyholwa ngokuba uye kumthi tywa umzimba ka Ntetho phambi kwesibhedlele esikufuphi, nalapho uthe wabhaqwa khona umzimba.

Umthyolwa usacanda amathafa, akukabikho mntu ubanjiweyo ukuza kuthi gaa ngoku.

Amanqaku ondlekileyo azokulandela.

Aviwe Fex

19 Tshazimpuzi 2024