ZIVALWE ZONKE IIVENKILE ZABAPHESHEYA KOCINGO
XHORHA- Baphume ngobuninzi bezokunikezela inkxaso yabo ngakugxa wabo oo”My Friend”. Bezivalwe zonke iivenkile zabo ngelinikeza inkxaso kugxa wabo. Ingxelo idiza ukuba kwinyanga ephelileyo kwindlela eya eMadwaleni kwaxhonyiswa inqwelo yommi waseSomalia onguSomashishini kwidolophu yaseXhorha.
Elixhoba laxhonyiswa yimigqutsuba yamakhwenkwe amathathu aqikelelwa kwiminyaka engama- 25 ukuya kumashumi ama-30, athatha nesixa-mali esingadizwanga ngagama kunye nenqwelo-mafutha awayehamba ngayo.
Lemiguvela yaleqwa ngamapolisa yanqakulwa kwangelo xesha, kodwa omnye wezizijem-jem zezixhiliphothi usagcwele amathafa.
NgoLwesibini waleveki ezinkunyevu zezinkuntsela bezivele kwinkundla kaMantyi eXhorha, laze ityala lahlehliselwa usuku lwayizolo umhla we-19 Tshazimpuzi 2024 ukuze bafake isicelo sebheyile. Oo “My Friend” bame entla bephethe abapheke-pheke abhalwe ngesingesi besithi “No Bail”.
Iye yanqumama kancinci inkqubo yokumanyelwa kwelityala ngenxa kacimi-cimi wombane.
Inkundla ibizele imi ngeembambo, abanye balinde ngaphandle. Ngexesha sincokola nabanye apha ngaphandle, iinkokheli zabo bezisagqugula namagqwetha wazo ngaphakathi.
Mzukisi Mangwane
20 Tshazimpuzi 2024