BASAPHAXULANA NGAMATHUMBU WEHAGU E-ATTWELL MADALA HIGH
MTHATHA- Liya liqina nangakumbi ityala labafundisi-ntsapho besikolo samabanga aphezulu i-Attwell Madala High ezinze kwidolophu yaseMthatha.
Nyakenye(2023) usihlalo wesigqeba solawulo lwesikolo kunye nonondyebo bazibhaqa bentyumpa-ntyumpeka kwinzonzobila yengxaki. Esi sibini saye savalelwa ngabafundisi-ntsapho besisikolo ukuze bangaphumi kwesisikolo emveni kwentlanganiso eyayitshisa ibunzi.
Kwaye kwanyanzeleka kungenelele amapolisa ukuze babe bayakhululeka.
Inqontsonqa yoluzenge-zenge yingcambu yesono ‘imali’. Iititshala ezisibhozo(8) kuquka neNqununu yesikolo baye banyanzelisa ukubhatalwa imali engange R1.4 Million yeerandi ngelithi kudala beqhuba nee”Extra Classes”.
Ngokwengxelo yonokrawuzana nempukane eziluhlaza, umfundisi-ntsapho ngamnye ubezifunela isambuku-mali esingange R51 000.00 ngokusebenza iiveki ezimbini ngenyanga yeSilimela kunye neveki enye kwinyanga yoMsintsi.
ISebe lezeMfundo kuthiwa litye tyum ngalenyewe. IYure enye ibixabisa imali engange R386,00, lonto ithi ukuba ititshala ixathule iiyure ezivisayo izakufumana ezozikhuntyu ngokweeyure ezisebenzileyo.
Kodwa kuyavakala ukuba yonke le mbunda-ndimunye nalojijiji bankrwempana ngawo kwakuthathwe isindululo sokuba ingenziwa into yokubhatalisa ezi ‘Extra Classes’, kodwa le mbinana yezititshala ikhanda ngenqindi phantsi.
Ngomso ezititshala zizakuvela kwinkundla kaMantyi eMthatha malunga nezityholo zokukhuthuza isikolo ilanga lihlabe umhlaba. Ezingxelo zithutyeleziswe ziimpukane eziluhlaza. Imizamo yethu iwe phantsi ukufumana iSebe lezeMfundo ukuba liziphendulele kwezizityholo.
Singasemoyeni.
Mzukisi Mangwane
22 Tshazimpuzi 2024