BASIXHENXE ABABHUBHILEYO
BHOFOLO- Babalelwa kwisixhenxe(7) abantu abaswelele kwingozi eyenzeke izolo umhla we-21 Tshazimpuzi 2024, kwindlela uR67 ophakathi kweFort Beaufort neSeymour.
Le ngozi emasikisi yenzeke kwisithuba sentsimbi yesithandathu(18h20), kuye kwangquzulana okweenkunzi zegusha isithuthi sikawonke-wonke esiluhlobo lweToyota Avanza kunye nenqwelo-mafutha encinci eluhlobo lweSeden.
Abantu abahlanu(5) kulengozi bonzakele kakhulu kwaye bakwimeko embi kakhulu nto leyo echaza ubuzaza balengozi.
Abantu abahlanu(5) abangamadoda bebekhwele kulePolo Vivo eluhlobo lweSeden bonke baphelele kwindawo yexhwayelo, baze ababini(2) nabebekhwele i-Avanza indoda engumqhubi kunye nowasetyhini omnye babhunxa kule ngozi.
Le Toyota Avanza ebikhwelise abantu abasixhenxe(7) ibisuka ngaseFort Beaufort isingise kwicala laseSeymour, yabe yona iPolo Vivo isiya kwicala elichasene naleAvanza ngexesha kusenzeka esisiganeko. Ingxelo edizwe sisithethi seSebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni u-Unathi Binqose, “Ngamadoda amathandathu(1) abhibhileyo kunye nenina elinye(1)”.
Ulebele ngelithi uMphathiswa weSebe lezoThutho uXolile Nqatha ugqithise amazwi wovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo, ecenga kananjalo ukuba abaqhubi baqhube ngenkathalo.
Bonke abonzakeleyo baleqiswe kwisibhedlele saseFort Beaufort ukuze bafumane ukubhila-bhilwa ziingcungela zoogqirha nabongikazi abajongene nempilo.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo alivulwanga nanjengoko bonke abaqhubi kwezizithuthi zibini bewunabele ngoko nangoko uqaqaqa ukusingisi kwantsonganyawana.
Mzukisi Mnagwane
22 Tshazimpuzi 2024
ReplyForwardAdd reaction |