Iindaba

IMPALALO-GAZI KWINTLAVUBELA YENGOZI ESUBE IMIPHEMFULO EMINE

QONCE- Kusweleke abantu abane(4) kugquzulwano lwezithuthi ezimbini kuhola wendlela uR346 ngaphandle kwaseQonce kwindlela esingise eCumakala emva kwemini namhlanje.

Yibhaki kunye neToyota Avanza ezintlithene okweenkunzi zegusha kwasweleka amadoda amabini(2) kunye nabantwana ababini(2), bonke bebekhwele kuleToyota Avanza. Umqhubi uye wabhungca kule ngozi efumana imigruzuko engephi, kodwa abanye balimele ngokumasikizi.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ukuze kuqhutywe uphando oluthe vetshe.

UMphathiswa kwiSebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni, uXolile Nqatha udlulise amazwi wovelwano kwintsapho ezichaphazelekileyo edomboza kubaqhubi ukuba baqhube ngenkathalo.

Le ngxelo siyifumene kwisithethi seSebe lezoThutho u-Unathi Binqose apha kwiphondo leMpuma Koloni.

Mzukisi Mangwane

22 Tshazimpuzi 2024