Iindaba

ISEBE LEZENGQESHO NABASENZI LIZA NETHEMBA LEKAMVA ELIQAQAMBILEYO KWIPHONDO LE MPUMA KOLONI

EMONTI- UMphathiswa wesebe lezabasebenzi kunye nezengqesho nabasebenzi Thulas Nxesi usungule inkqubo yokuvuselela abasebenzi ebizwa ngokuba yi’Labour Activation Programme(LAP)’ oko kuya kunceda ukuthomalalisa izinga eliphezulu lentswela-ngqesho kwiphondo leMpuma Koloni.

Ethetha kumsitho wokuphehlelelwa kwalenkqubo nobubanjelwe kwiziko lengqingquthela zamazwe-ngamazwe eMonti, ngomhla we19 kule imiyo. UNxesi uthe igxowa-mali ye’Unemployment Insurance Fund(UIF)’. izokuvuselela abasebenzi abangama 56 583, abahlali bephondo leMpuma Koloni baya kuba nezakhono kwimarike yomsebenzi okanye banikwe ithuba lokuziqalela amashishini

“Sineeprojekthi ezingamashumi amathathu anesithathu(33) ezicetyisiweyo nezizakubandakanya abaxhamli abayi-56 583 kuhlahlo lwabiwo-mali lwe-R1.9 yeebhiliyoni”, utshilo uMphathiswa uNxesi.

Ngexesha lokusungulwa kwalenkqubo, umphathiswa uNxesi utyekeze ngokusesikweni abanikezeli boqeqesho abasixhenxe beSithili saseChris Hani abafumene imvume enemiqathango kwingxowa-mali yeUIF.

“Emveni kovavanyo olubanzi kunye nenyameko, aba baboneleli-nkonzo baye bavunywa baza banikwa iileta zokuqeshwa,”uNxesi.

Ukongeza uNxesi ugxininisile ukuba oyena nobangela wokunqongophala kwemisebenzi kweli lizwe kukunqongophala kwezakhono ezifanelekileyo ezifunwa ngabasebenzi.

“Urhulumente uthathe isigqibo sokwandisa uphuhliso lwezakhono nokudalwa kwemisebenzi ukuphendula kumanqanaba aphezulu entswela-ngqesho kunye nokukhula okucothayo koqoqosho, esebenzisa amaqonga afana ne-LAP,” Nxesi.

Isixa-mali esizibhiliyoni zeerandi ezingama-R23.8 sabelwe ukuphumeza iinkqubo zokuvuselela abasebenzi kuzwelonke, ngokungqinelana noko kujoliswe kuko kwamathuba azizigidi ezimbini. Ukuphehlelelwa kwalenkqubo ephondweni leMpuma Koloni, ababoneleli-nkonzo abalishumi elinesibini bavunyiwe, kuquka abaxhamli abangama-26 368 ngohlahlo lwabiwo-mali oluzibhiliyoni ezingama-R812.

Ezi projekthi ziza kuphunyezwa kumacandelo afana nezolimo, iinkonzo, ulwakhiwo lwe-ICT, ubunjineli, kwicandelo lokuzonwabisa(Hospitality), ukuthengisa, ukwenziwa kwemveliso kunye nokudalwa kwamaphulo amatsha.

Aviwe Fex

22 Tshazimpuzi 2024

ReplyForwardAdd reaction