KUGALELEKE IZANDYONDYO ZEMVULA ENGAQHELEKANGA
NXUBA- ENxuba(Cradock) namhlanje kuye kwenzeka isiganeko esinqabileyo, nesingaqhelekanga apho kuye kwamnyama kakhulu emafini emveni koko kwagaleleka izandyondyo ezingaqhelekanga nezithathe ixesha elincinci.
ISebe lezoThutho licela abaqhubi baqhube ngenkathalo nanjengoko kubonakala elilifu lichwechwela ngaseMonti nakwezinye iindawo ezingqonge iphondo leMpuma Koloni.
Indlela imtyibilizi kwaye kuwa udaka olukhatshwa zizikhukhula. Kuye kwanyanzeleka ukuba uvalwe okwexeshana uhola wendlela uN10 okufutshane naseNxuba.
Yonke lonto yenzeke ngalentseni yanamhlanje, iiLori ezinkulu bezikhukhuliseka namanzi.
Othethela iSebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthe naseMonti bayakrokra kungenzeka eso saseNxuba nanjengoko amafu exubayele ngamandla.
EliSebe likwakhuphe isilumkiso esikhawuleziyo kubaqhubi ukuba bathande ukuqwalasela nanjengoko zinobungozi ezizantyala-ntyala.
Mzukisi Mangwane
22 Tshazimpuzi 2024